Uncategorized

Abatyholwa ababini  ngokugwinta babulale uLusanda Mathabela

Intatheli: Ntsikelelo Jonga | Nelspruit

Bavele enkundleni okokuqala ngomhla wesithathu kule yeNkanga (November) abatyholwa ababini  nabaneminyaka eli-18 bobabini kwinkundla kaMantyi yaseNelspruit. Aba batyholwa nguKatlego Mokoena kunye noLungelo Sithole nabatyholwa ngokugebenga uLusanda Mathabela (19) ngomhla wesi-03 kwinyanga kaNovemba eMattafin eNelspruit.

Amapolisa akrwecwa ngumhlali emveni kokukrokrela uqhekezo kwindlu yakokwabo uLusanda. Ekufikeni kwawo bekusele kufike neqela elilibutho eligada neligcina ucwangco ekuhlaleni (Public Order Policing Unit). Ekungeneni kwawo endlwini afumana umzimba kaLusanda udada echibini legazi ngaphakathi apho endlwini kwaye unawo namanxeba amaninzi okuhlatywa, sele itshoba lilel’umbethe. Uphando lwamapolisa lwakhokhelela ekubanjweni kwalamatyendyana mabini, kwaye elinye lalamatyendyana kwafumaniseka ukuba lalikhe langumhlobo (itshomi) kwixhoba eli.

Uphando lubonise ukuba abatyholwa bagqekeza kule ndlu ngokuthi batsibe udonga bafumana lentwazana ngaphakathi endlwini. Ithe yakukhala lentwazana abatyholwa bayihlaba amanxeba aliqela yaba iyasweleka kwalapho.

Isikhalo esaviwa ngabasebenzi bekhontraka ebisebenzela kufutshane nalendlu ngabo abava isikhalo babesebesenza indlela yokukrweca utata wale ntwazana nowakhawuleza waleqa endlwini waba nasendleleni edibana namalungu webutho eligcina ucwangco beza bonke emzini kodwa ngelishwa bafika sele eswelekile uLusanda. Lahlehliselwa umhla we-12 ityala labo kwaye bazakulinda  beseluvalelweni. Omnye wabo ngumfundi webanga leshumi (Grade 12 Learner).