AgricultureLocalNews

“Ulutsha luyakhuthazwa ukuba luthathe inxaxheba kwezolimo eMbhashe”

Intatheli: Anele Raziya

Amafama waseMbhashe akwiphulo lokurhweba ulutsha ngobuninzi ukuba lubeyinxalenye nawo kwimisebenzi yokufuya nokulima. 

La mafama anoluvo lokuba xa ulutsha lungabayinxalenye nawo lonto ingathi inciphise izinga lendlala nelentswela ngqesho emakhaya. 

Kulandela emva kokuba lamafama athe afumana inkxaso yembewu zeengxowa zombona kurhulumente. 

Onke amafama weedolophu zaseMbhashe eziquka iXhorha, Dutywa nakuGatyane aphiwe iqwaba yeembewu zeengxowa zombona ukuze ahambe ayokulima. 

Usihlalo wombutho wafama eMbhashe, iMbhashe Farmer’s Association, uGcinile Qokweni uthe inkxaso yale mbewu yombona abayifumeme kurhulumente iyabakhuthaza ukuba bancedise kwical lokhulisa uqoqosho eMbhashe kwaye benze konke okusemandleni uvelisa namathuba emisebenzi. 

UGcinile uthe iprojekthi zamafama alima umbona ezingamashumi alithoba (90) ngokwahlukana kwidolophu zaseMbhashe zixhamle kwinkxaso yembewu. 

Uqhube wathi ukufumana kwabo imbewu lonto ibakhuthazile ukuba baqhubeke ngokusebenza ngokuzimisela kwaye badlale indima ebalulekileyo ekulweni idlala, bakhulise uqoqosho nokuvelisa amathuba emisebenzi eMbhashe. 

Uye wathi urhulumente ubakhuthazile ukuba basandoze ulutsha ngobuninzi  kweezipojekthi ukuze lixhamle kumathuba emisebenzi evelayo. 

Uvakalise nombulelo kwiSebe leZolimo nomasipala waseMbhashe ngokuxhasa amafama ngeengxowa zembewu yombana. 

Usodolophu waseMbhashe obeyinxalenye yokunikezela ngale mbewu, uSamkelo Janda uthe ulutsha malisondezwe ngamafama ukuze lufunde umsebenzi wokulima. 

UJanda uthe ucandelo lamafama lidlala indima ebalulekileyo kuqoqosho kwaye yiyo lento ulutsha funeka lifundisiwe ngokubaluleka komsebenzi wolima. 

Yimali engange R4 Million esetyenzisiweyo ngurhulument uthenga imbewu kwaye projekthi nganye ifumene iingxowa eziphaya kwekhulu 100.