LocalNews

Iidolophu zizothiywa ngezikhahlelo zeeNkosi 

31 August 2026 | Monwabisi Khininda | Mpuma Koloni

Kungekudala kukho iidolophu ezintathu, phantsi kwesithili saseJoe Gqabi, ezizotshintshwa kumagama obukoloniyali zinikwe izikhahlelo zeeNkosi zamandulo kulo mmandla. I-Eastern Cape Provincial Geographical Names Committee izakuqwalasela amagama awamkelekekileyo ukuba asetyenziswe. Ezi dolophu ezizakuthiywa ngezikhahlelo zamakhosi ukugcina imbali yomntu oNtsundu yiLady Grey, iSterkpruit neHerschel ezizawukwaziwa ngeNkosi Makhobeni, iNkosi Mpangazi neNkosi Lihlongo ngokulandelelana kwazo. Yonke le nquleqhu idale ukuphikiswa ngumbutho wamaDlagusha iFreedom Front Plus othi asikho isizathu sokuba atshintshwe lamagama.

Idolophu yae Lady Grey yasungulwa ngo-1857 xa ityalike iDutch Reformed Church ithenga umhlaba wefama ukuze isungule eli bandla. Idolophu yona yokhiwa kumnyaka we-1858. Le dolophu yathiywa ngoEliza Lucy Grey inkosikazi yeRhuluneli yaseKoloni uSir George Grey. Idolophu yaseHerschel yaqalwa ngo-1879 kwaye yathiywa ngoSir John Herschel owayeyinzululwazi ezinze eKoloni.

Le nkqubo izeka mzekweni kwiphulo eseliqhuba kakade kweli phondo.Iidolophu esezithiywe ngokutsha zezi:

East London –KuGompo

Graaff-Reinet –Robert Sobukwe Town

Port Elizabeth-Gqeberha

Morgan’s Bay –kuGxarha

Cradock-yiNxuba

Uitenhage-yiKariega

King Williamstown-eQonce

Queenstown –kuKomani

Grahamstown-eMakhanda

Abahlali bedolophu yaseGraaf-Reinet ingakumbi abamhlophe abahambisani nolutshintsho kangangokuba lempikiswa idale umonakalo kwingcwaba likaRobert Sobukwe owayenguMongameli wokuqala wombutho i-PAC nethiywe ngaye le dolophu. IFreedom Front Plus ithi ayihambisani nokuthiywa ngokutsha kwezidolophu kuba ikubona kukuzama ukucima imbali, iphenjelelwa ziipolitiki,yahlulahlula uluntu, iyincithamali yabarhafi ikwazama nokucima imbali ekhoyo.