Imbaleki yaseMpuma Koloni uzakucela umngeni kwiimbaleki zaseKapa
28 EyeNkanga 2024 – 11 KweyoMnga 2024
Intatheli: Anele Raziya
Imbaleki yaseMpuma Koloni edumileyo nebalekela iqela iGijimas Athletic Club, uYanga Malusi uzakucela umngeni kwiimbalekile zaseKapa ngalo Mgqibelo siya kuye.
UMalusi oyinzalelwane yaseDutywa kwilali eyaziwa ngokuba kuse Gwadana, umenyiwe eNtshona Koloni ukuba ayokuthatha ixhanxeba kumdyarho obizwa ngokuba yi Stellenbosch 21KM marathon.
Izakuba ikokuqala uMalusi ebaleka kule marathon kodwa nangona kunjalo uthe ujonge ukwenza imbali ngokuthi abuye nodumo.
Eli phephandaba lifumene ithuba lokuba lincokole noMalusi emva kokuba ephumelele umdyarho iSpargs SuperSpar 5KM ityeli lesibhozo iminyaka ilandelelana ngempelaveki egqithileyo.
Kulo mdyarho ububanjelwe eGcuwa kutsha nje, lembaleki yeReal Gijimas Athletic Club ibikhuphisana neembaleki ezingaphaya eziy157 kwaye beziphuma kwiindawo ezahlukeneyo ephondweni.
Kodwa uMalusi uye wazibonakalisa kwakhona kule 5KM xa ebeshiya yonke loginginya yeembaleki ephuma kwindawo yokuqala ngemizuzu eyi14:25, walandelwa nguThulani Sidziya obalekela iZwelonke Athletic Club ophume kwindawo yesibini ngemizuzu eyi15:55 indawo yesithathu yathathwa nguLukhanyo Mvalo obalekela iRoyal Striders Athletic Club nongene ezintanjeni ngemizuzu eyi16:30.
UMalusi uthe into ebangela ukuba ayiphumelele rhoqo iSpargs SuperSpar 5KM kungokuba uhlala ezilungiselela ngalo lonke ixesha kwaye usebenzisa namava awafumana kweminye iimidyarho.
“Ndonwabe kakhulu ngokuphinda ndiphumelele le 5KM kwaye ndicinga ukuba iyandinceda lento yam yokusoloko ndijima nokuba andizokuthatha xhanxeba mdyarhweni kuba lonto indenza ndihlale ndikulungele ukubaleka,” kutsho uMalusi ngexesha egqibo phumelela eGcuwa.
Uqhube wathi ebomini bakhe ayikho enye into ayenzawo ngaphandle kobaleka kwaye uthi kuze abeke isonka etafileni kufuneka angenele lamakhuphiswano wemidyarho.
Uthe leyonto ibangela ayihloniphi italente anayo njengoko engatshayi cuba kwaye akaseli notywala ixesha elininzi ulichitha ngokulungiselela iimidyarho.
Umenywa kwakhe eKapa uthe kuyamvuyisa kuba uzakufumana nethuba lokubonakalisa isakhono sakhe sokubaleka ngaphambi kwabantu abaninzi kwaye lonto izakumenza aziwe yonke indawo kweli lo Mzantsi Afrika.
Lo mfana wase Gwadana ukhe wabaleka naseNgilane (England) ekuqaleni kwalo nyaka nalapho waphuma kwindawo yesixhenxe kumdyarho obizwa TCS London 21KM kwaye waye wafumana nembasa.
Kule veki Malusi uzakugaleleka eNtshona Koloni apho azakuqoshelisa khona amalungiselelo wakhe kwaye uthe ugxeleshe ubuya nodumo.
Umququzeleli weemidyarho owaziwayo eGcuwa, uLulama Tase uye wamnqwenelela okuhle kodwa uMalusi kwaye uthe unethemba lokuba uzakuphakamisa igama lo Mbhashe neleMpuma Koloni iphela.


