Ubhaqe umkhonyovu umhlolokazi owabukala isthethe sokungenwa
10 August 2023 – Mbaleli kaDizindaba
EFLAGSTAFF
Umhlolokazi ekuthiwa wasadulela isithethi sokungenwa kwaXhosa ngokwala ukundiselwa kumninawa womyeni, uye wabhaqa umkhonyovu owenziwe yindodakazi yakhe kunye ne “Boyfriend” yayo. Kuvakala okokuba le ndodakazi ibimatasatasa nesinqanda mathe sayo bezama ukuguqulela kubo iitekisi ezimbini zalo mhlolokazi nongasekhoyo umnyeni wakhe.
Abasemfuthweni wolwazi bekwazithanda nee ndaba bathe lo mhlolokazi osele ezakukhululwa izila phaya eMakwaleni uye wabhaqa lo mkhonyovu emveni kokulunywa indlebe ngumngane wakhe ophaya eKokstad malunga nalo mkhonyonvu wokuzama ukuguqulela ezi Quantum zimbini kwi “Boyfriend” yale ndodakazi. Kuvakala okokuba i “Boyfriend” yale ndodakazi ibizama ngandle zonke okokuba ezi tekisi zibhaliswe phantsi kombutho oyi Boarder Alliance.
Kuthiwa yena umyeni walo mhlolokazi wayelilungu le UNCEDO Taxi Association nethe yeva ngalo mkhonyovu nanjengoko umyeni womngani walo mhlolokazi ulilungu lo mbutho iBorder Alliance kuthiwa akuva oku lo mhlolokazi nobesele wolwazi bathe akuva lo mhlolokazi ngesi senzo uye wawazisa Amakhwalo ngokuvuma ukungenwa ngumninawo womyeni. Kuvakala okokuba le ndodakazi yalo mhlolokazi wase Bukuveni ibisele iqhuba ushishino kwi spaza shop solo mhlolokazi phaya eLudeke eBizana.
Kuthiwa lo mhlolokazi wahlaza isithethe sakwa Ntu ngokwala ukungenwa ngumntakwabo myeni khona ukuze azale abantwana abasiduko sinye apha emzini wakhe. Kuthiwa umyeni walo mhlolokazi nobengu noteksi eKapa wayengumntu owayethanda ukumkhupha unkosikazi wakhe baye koo Durban beach, eCasino, nokutya kwii restaurants ezaziwayo. Yena ke umninawa lo kamfi kuthiwa ungu “Gushumnqayi” nje osoloko ekhangelana nee ndawo ezinentselo. Kodwa enye yee nkonde zakwa Faku ithe: “Kaloku ebengenakukwazi lo mhlolokazi lo ukuzala abanye abantwana apha kuMakhwalo. Walotyolwa apha waze wenzelwa no “Tsiki” khweli khaya ntoleyo ethetha okokuba ungoweli khaya, hayi esinye isiduko.


