Arts & CultureLocalNews

Bekubanjwe umsitho wenciyo eDutywa 

28 EyoMsintsi 2023 – Anele Raziya

NQADU

IKumkani yamaXhosa jikelele, uAhlangene Vulikhaya Sigcawu uthe iinkosi zeli zinexaduva lokuncedisana norhulumente ukulwa into yokuphathwa gadalala kwamanina (Gender based violence) emakhaya.

Ukuthethe oku ngexesha kusingathwe umsitho obizwa Inkciyo Eastern Cape kwikomkhulu lamaXhosa eNqadu kuGatyane ngempelaveki esiphuma kuyo.

Abantwana abangamantombazana namankwenkwe angazange obelana ngezesondo ebeyinxalenye yalo msitho wenkciyo notsale umdla kubantu abaninzi ngosuku lokuqaphela imini yamafa namagugu wesizwe (heritage day)

Amanye wamantombazana angekaphathwa (zange abelana ngezesondo) ebephuma kwicala lasemaMpondweni, eGqeberha nakwezinye iindawo kwiphondo laseMpuma Koloni.

UKumkani uVulikhaya Sigcawu uvakalise uchulumanco ngalo msitho kwaye wathi beziinkosi banoxanduva lokuba bancedisane norhulumente weli ukulwa into yokuphathwa gadalala kwamanina emakhaya.

Uthe ukusindlekwa komsitho ofana nalona wenkciyo lonto iza kwenzeka ikamva labantwana liqaqambe nangakumbi kuba kwinkciyo bafundiswa ukuba bahloniphe imizimba yabo.

Uqhube wathi kubalulekile ukuba abantwana bafundiswe ngemvelaphi yabo equka imisitho efana nenkciyo ezi kuba lonto yenza ingqondo yabo iphangalale nangakumbi kwizinto zesintu.

Ongumsunguli we-Inkciyo Eastern Cape, uNasizo Mndende (28) uthe ngokusindleka umsitho wenkciyo bafuna ufundisa abantwana ngendlela yokuziphatha njengokuba bekhula.

UMndende uthe abantwana abangamantombazana kufuneka bahambele kude kwizinto ezifana neziyobisi, amakhwenkwe kwaye bajongane neencwadi zabo ukuze babenekamva eliqaqambileyo.

Abantwana abangamakhwenkwe babafundisa ukuba bangalali namantombazana ixesha labo lobudala lingekafiki kuba lonto ingenza bazibhaqe bengotata besabancinci.

Uqhube wathi beyinkciyo Eastern Cape bakhuthaza abantwana ukuba baziphathe kakuhle kwaye bahloniphe abazali ukuze babenekamva eliqaqambileyo.

UMndende uthe bazakuqhubeka bejikeleza iphondo neezinye iiindawo bekhuthaza abantwana ukuba babeyinxalenye yenkciyo kuba lonto iye inciphise namathuba wokuba bosuleleke kwizifo ezosulela ngokwezesondo.

Oka Mndende zange walala nendoda oko wazalwa nangona eneminyaka engamashumi amabini anesibhozo.

UMbalenhle Gobingca obeyinxalenye yomsitho wenkciyo, uthe uyakuvuyela ukuba yinxalenye yeInkciyo Eastern Cape kwaye lonto imiphephisa nasemakhwenkweni.

UGobingca uthe angavuya ukuba nabanye abantwana abasakhulayo bangazimanya nenkciyo kuba ininzi into abayifundiswayo kuyo ingakumbi indlela yokuziphatha yomntu wasetyhini kwaye bayakhuthazwa nasesikolweni.