Ibingum Mbo noMxesibe kwa Mgudlwa kubhiyozwa
28 EyoMsintsi 2023 – Yonela Mpaka
EQHUMANCO
Umasipala wase Ntsikayethu ubhiyozele usuku lwamafa nenkcubeko (heritage ke ukutsho kwindawo yase Qhumanco kwa Jumba. Oku kwenziwe ukubonakalisa ukubaluleka kwalenyanga abantu bezingca ngobuxhosa babo. Abantu belali bakuthakazelele kakhulu oku kuquka neNkosi zakwaJumba zonke. Wonke umntu ebenxibe isinxibo sakwa Xhosa.
Ongusodolophu kulomasipala uKhanyisa Mdleleni uthi kubalulekile abantu bazazi apho basuka khona ,baxabisane benze izinto ezazisenziwa kudala apho kukho umntu kubekho uxolo nemvisiswano. “Sifune  ukuyenza kwa Jumba kwa Nkosi uSandile Mgudlwa ukuze wonke umntu akwazi ukuzova ngembali nangezinyo izinto ezazibalulekile, sifuna abantu babuyelembo bazazi iminombo yabo bangaphazamiswa zizinto eziza zivela,bayazi ukubanguMxshosa kuyintoni, ukuzazi umnombo wakho kubaluleke kangakanani,sizothi isizwe masibuye kwizinto ezingokhiyo makubekho ukuncedisana kuba abantu bezizwe zangaphandle xabesenza izinto bona bayabambisana kungoko sifuna nathi lonto ihlale ebantwini ukuze kuzoyeka phambili,“ utshilo uMdleleni.
Inkosi bezithe ngqwadalala ukuzinasa lomsebenzi kuquka kuzo inkoso zama Jumba zonke kwakunye noNkosi uGwazinamba Matanzima. Lombhiyozo uqhuba iNkosi yaMajumba uNkosi uSandile Mgudlwa sele engasekho kweli limagada hlabayo kodwa oko akumisanga nto kuba iNkosikazi yakhe umama uMgudlwa uye wazivula izandla uba uqhube lomsebenzi. Ukuhlonitshwa kwabafazi beNkosi kwenziwa kakhulu kweli lakwa Jumba.Umama uNokhaya Mgudlwa uthethe nabobonje abantu abebezimase lomsebenzi esithi wonke umntu makazingce ngesintu sakhe angalibali apho kusukwa khona eMbo. Oka Mathanzima uGwazinamba naye ebephume nenkosi eziphantsi kwakhe ukubayinxalenye yemini yenkcubeko amafa namagugu.
UNkosi uGwazinamba ukhuthaze wonke umntu ukuba khelume udlame ukubulawa kwabantu ngokungenalusini,ukuxhatshazwa kwabantu abadala kwakunye nabantwana uthi izinto zajika kudala kwakuhlalwa ngoxolo kungekho mntu kusa kusithiwa ubulewe akaziwa nokuba ubulewe ngubani,uthi ezizinto zimbi zenzekayo maziphele. Abaxhentsi bafumene ithuba lokuveza izakhono ngokubonisa imixhentso yakwaXhosa.