‘Sibajongile ohlohlezabo kuzakwaziwana
28 EyoMsintsi 2023 – Yonela Mpaka
MTHATHA
Umbutho we United Democratic Movement (UDM) ngamafutshane ububambe umsitho wokubhiyozela iminyaka engamashumi amabini anantandathu wasekwayo. Oku kuqhube kwidolophu yase Mtata kwibala lezemidlalo. Abaxhasi nabalandeli balombutho bebegcwalise istadium ukuyozivela ngenqubela phambili esele yenziwe ngumbutho lo nangenjoko kudala uselulawulweni. UPresidenti wombutho we UDM uBantu Njengele Holomisa nguye othethe eqongeni ebalisa ngembali yombutho.
Ukusekwa kwalombutho kwabangela abaninzi nabangafuni ukuzibandakanya nalowo unomkhonto wevili babenendawo yokubalekela. Abalandeli bombutho bathi ithemba labo liselikhulu kakhulu kumbutho soze baphume kuwo. Ongumlandeli omkhulu wombutho utata Masilengwe Gxadaza uthi ithemba balibeka kumbutho wabo nokuba ingakhona eminye boba abajiki I Udm yeyabo. “Sizobhiyoza kuba siyaluboba utshitsho lukhona abo bamosha izinto zikarhulumente abayekwanga nje ngumbutho wethu bajongiwe,kuninzi esele sikubonile kusenziwa ngumbutho wethu kungoko singafuni nakugungqa,sifuna ukhuthaza kuNjengele ukuba bangayekeli isizwe siye kwantshabalala imfuno zethu sifuna zisoloko zibekwa phambili ngalo lonke ixesha sithi makaphathe uHolomisa makaphathe asoyiki ukhokhelwa nguye,“utshilo Gxadaza.
UPrezidenti wombutho uHolomisa uqabele eqongeni sele kugcwele kakhulu ngabalandeli. Ushiye umyalezo omkhulu loka Holomisa esithi abantu bangawulahli lombutho kuba usaya kude. “Sizobhiyoza kuba amadabi esidlule kuwo awanakubaliswa sisilwela inkululeko yabantu beli loMzantsi Afrika asizuyeka kuba kukho abo bangotsalele caleni nohlohlezabo sizakumela abantu kude kubesekupheleni, sizothi ebantwini konke kuzakwenzeka imfuno zabo bazakuzifumana, wonke umntu uzakubanazo zonke inkonzo zikarhulumente ezifana nemibane amanzi, abantu abasebenzisa imali karhulumente kwengxa sibajongile asizuthula kuba sifuna nokuba awukho kumbutho lo kodwa uyazi kulilungelo ukuxhamla ngaphandle kokuxhaphazeka,“ utshilo uBantu Holomisa nongu Prezidenti we UDM. Abalandeli bombutho we Udm ingakumbi abo babeqale nawo lombutho basayibambile.

