Arts & Culture

Kubhiyozelwe usuku lenkcubeko eMthatha 

10 EyeDwarha (Oct) – 23 EyeDwarha (Oct) 2024

Monwabisi Khininda

Bekusindwe ngobethole kwilali iMabheleni eZimbane eMthatha ngethuba kubhiyozelwa usuku lwenkcubeko. Lo msitho uququzelelwe liqela leNkciyo Msintsini Dancers kwaye ububanjelwe kwiholo yebandla laseWisile. Injongo ibikukupha abantu abadala basekuhlaleni izipho njengendlela ekhethekileyo yokubhiyoza kulo nyaka.

UFuzeka Pam Mbovane ongumququzeleli aphinde abe ngumama weNkciyo eMabheleni uthe:-Nanjengoko iyinyanga yenkcubeko siye sabona ukuba masiphe abantu abadala izipho.Sidla ngohamba siye kwezinye iindawo siye kuphisa kananjalo.” Uqhube wathi:- “Kulona unyaka siye sacinga ukupha amaxhegwazana alapha ekuhlaleni siwenzele into eza kuwonwabisa kuba kaloku kuthiwa yonke into iqala ekhayeni.

INkciyo kulelali isungulwe ngomnyaka wama-2021 behamba bexhentsa kwezindawo zinemibhiyizo,Ithe yaziswa ngokusesikweni ngo-2022 ngenjongo zokuzama ukukhwebula abantwana kwiziyobisi nokwehlisa izinga lokukhulelwa kumantombazana.Abantwana bafundiswa ngendlela yokuziphatha,isimilo nokuthatha isigqibo ngexesha elifanelekileyo.

Umakhlu wasekuhlaleni oxhamlileyo uthe “Ndiziva ndichulumancile kakhulu ngalemini yabantwana intle kangaka,kuba kaloku iveza abuhle belizwe.Siyabulela ngoba abantwana baqokelelwe bafundiswe kaloku thina basohlule.Ndithi mayiqhube ibheke phambili.”UImange Mbalane noyintombi yenkciyo uveze ukubaluleka kwenkciyo ngelithi:- “Ndiyintombi –nto ndiyahlolwa kwaye ndiyazidla ngobuntombi bam.Ndithi xa ndinyathela kuvakale ndinebhongo neqhayiya.”Uqhube wathi bafindiswa indlela yokuziphatha xa ungumntwana oyintombazana,intlopnipho nezinye.