Crime & SafetyLocalNews

KUSAQHUBEKA UKUDLWENGULWA NOKUBULAWA KWABANTWANA NGAMADODA AMADALA

Intatheli: Ntsikelelo Jonga|Tinarha

Kuphinde kwehla esinye isithwakumbe esimanyukunyezi nesihambisa umzimba eTinarha.

Isibhongobhiyane somfana onama (27) eminyaka ubudala udlwengule asakugqiba wabulala intwazana eminyaka esi (8) kuphela izelwe.

Le ndoda nekumele ukuba ithwala uxanduva lokukhulisa, ukukhusela umntwana ingumntu owaziwayo lusapho kwaye ngu Dj wodumo e Tinarha. Ngokwengxelo kuvakala okokuba ithe isakugqiba ukwenza lonto yamnqunqa wamfaka emgqomeni yamfaka phantsi kwebhedi umntwana lo ofunyenwe apho ihlala khona eMandela kwaLanga.