BusinessCrime & SafetyNews

Utyholwa ngokutsotsa ihotele isigidi serandi

10 EyeDwarha (Oct) 2024 – 23 EyeDwarha (Oct) 2024

Monwabisi Khininda

IHotele yaseTsomo yazibona iphulukana nemali yeshishini eqikelelwa kwimali engange-R1.2 yesigidi, phakathi kwenyanga yeKhala neyoMsintsi kunyaka ophelileyo. Ngokwengxelo ekhutshwe yiKapteni yooKhetshe uYolisa Mgolodela le Hotele yaseTsomo yathi yafumana unxibelelwano kumntu owazazisa njengomsebenzi wenkampani iYoco Technology (Pty)Ltd.

Lo msebenzi waseYoco wayebathangisela imatshini yokubhatalisa (speed point) nalaphp bathi bathenga iimitshini emithathu ngemali engange R3500. Umnqa yaba kukuba leHotele yaqaphela ukuba kukhona okungahambi kakuhle, imali yeHotele ayingeni kwiakhawunti yebanka yeHotele.Emva kokuqaphela oku baqonda ngqo koKhetshe ngeliyakufaka isimangalo.Ekuqhubeni kophando iziphumo zophando zikhombe ngqo kuDylan Strydom (27), ohlala eKidds Beach eMonti.

Kuvakala ukuba inkcukacha zebanki leyo imali ibisiya kuyo zezakhe uDylan. Emva kokunqakulwa avalelwe ngoMvulo weveki ephelileyo uye wavela kwiNkundla yesithili eMthatha nalapho aphume ngebheyile yama-R500. UDylan uzakuvela kwakhona ngomhla wesine kwinyanga yeDwarha kulonyaka.