Kudutyulwe kwabulawa ishumi elinesibhozo Labantu
10 EyeDwarha (Oct) 2024 – 23 EyeDwarha (Oct) 2024
Monwabisi Khininda
Kusuku lwangoMgqibelo kudutyulwe kwabulawa abantu abalishumi elinesibhozo ngamadoda angaziwayo kwilali yaseNgobozana eLusiksiki. Ingxelo idiza ukuba amalungu osapho lakwaSinqina ebelungiselela ukukhulula izila lomfazi owadutyulwa nentombi yakhe kulonyaka ophelileyo,ngezityholo zobugqwirha kwilali yaseMaNtlaneni. Bathe besenza amalungiselelo omsebenzi ngoMgqibelo kwambonzeleka izijamankungwini ezisuke zathulula iimbumbulu kuye wonke umntu obekulamalungiselelo. Kubhubhe abantu abalishumi elinesixhenxe omnye ubhubhele esibhedlele kukho nabanye ababini abakwimeko engaginyisi mathe esibhedlele.Ishumi elinesihlanu labantu ababhubhileye ngabasetyhini. Kusinde imveku eneminyaka emibini ebisingathwe ngunina onabele uqaqaqa. Nanga amagama abantu abatshabileyo:- Thobile Sinqina (37), Sigobodo Gxobela (59) ngamadoda amabini nenkwenkwe enguSimomoza Sinqina (14), Nonkanyiso Dukuza (19), Ruth King (21),Mandisa Dlokweni (59), Samantha Sinqina (26), Lungiswa Gawulekana (51), Thandeka Mhlavulele (46), Marry Sinqina (63), Mathembisile Mayekiso/Sinqina (64), Nobelungu France (59), Thembi Vimba (41), Nomazwi Mdleleni (59), Nancy Sinqina (59), Dimpo Sinqina (30) noThali King Sinqina (26).
“Imasikizi mpela ke le! Eyona nto isothusileyo esi siganeko senzeka ngethuba besisancoma ukwehla kwamanani ezenzo zobundlobongela eLusikisiki ebikade iphala phambili kulwaphulo –mthetho,” kutsho usodolophu kumasipala iNgquza Hill, uNonkosi Prudence Pepping. “Linani elikhulu kakhulu eli labantu ababhubhe ngaxeshanye. Ayingomalungu osapho olunye kuphela, kukho nommelwane kwakunye nezihlobo zekhaya. Imbi imbi ! kwaye iyoyikisa ke le yenzekileyo ngoku. Nabahlali abasoze bakwazi ukulala kakuhle emva kwesi siganeko esizise unxunguphalo eluntwini.”
Kubanjwe amadoda amathathu. UMphathiswa wamapolisa kuzwelonke uSenzo Mchunu ubhengeze ukuba selekubanjwe abantu abathathu malunga nokudutyulwa kubulawe abantu abalishumi elinesibhozo kwilali iNgobozana eLusikisiki. UMchunu ukutsho oku kwinkonzo yokugxwala emswaneni yalamaxhoba kwiziko iLusikisiki College of Education. Abarhanelwa kulindeleke bavele enkundleni yamatyala kuleveki. Indoda ebivalelwe incinwa ngamapolisa ikhululwe.


