URHULUMENTEUZOXHASA ULUTSHAOLUKWEZOSHISHINO
Urhulumente wephondo leMpuma Kapa ufake isixa-mali esikwi-R169 yezigidi kwiphulo lokuxhasa amashishini wabantu abatsha, i-Isiqalo Youth Fund. INkulumbuso yephondo uOscar Mabuyane kwintetho yakhe yobume bephondo ungqinile ukuba amasimi entsangu avumelekile kwaye asemthethweni, ukwanyathele nakumba wokuba iphondo lingakwazi ukuzicolela ukutya (Agri processing). Egxininisa kwintetho yakhe uthe umhlaba wembuyekezo mawubuyele ebantwini.
Etyatyadula kwintetho yakhe kwiNdlu Yowiso-Mthetho eBhisho kwiveki ephelileyo, uthe isebe lezeMfundo ePhakamileyo kunye noQeqesho lityikitye ukuba iDyunivesithi yaseFort Hare lzakubanesikolo sonyango lwezilwanyana. Ukungoza abalobi bazakufumana iimpephe zokuloba kunye nesikhephe.