UQIKELELO LWEPROPATHIYINTONIEKUFUNEKA UYAZI
Bonke abanini-mihlaba eMzantsi Afrika kufuneka ngokusemthethweni bahlawule irhafu yepropathi esekelwe kuqingqo-maxabiso lweepropati zabo. Le nkqubo, egunyaziswe ngumthetho, isebenza kuzwelonke kwaye ayiphelelanga nje kuMasipala waseDrakenstein. UMthetho weRhafu yePropati kaMasipala wesi-6 ka-2004 ulawula ukuxatyiswa kwepropati. NgokweCandelo lama-46(1) loMthetho, ixabiso lemarike lepropati limiselwa ngexabiso elinokulilanda kwintengiselwano yemarike evulekileyo phakathi komthengisi ovumayo kunye nomthengi ovumayo ngexesha loqingqo-maxabiso. UMasipala waseDrakenstein, njengabo bonke oomasipala, kufuneka athobele lo mthetho.
UMasipala waseDrakenstein akalwenzi uhlolo lwepropati kwaye akanalo naliphi na igunya lokuguqula ixabiso. Endaweni yoko, umqingqi-maxabiso oyingcali ozimeleyo, otyunjwe ngenkqubo yethenda evulelekileyo, uyawenza lo msebenzi. Olu qingqo-maxabiso lwenziwa rhoqo emva kweminyaka emine ngokusekwe kwiindlela zoqingqo-maxabiso ezamkelweyo, imigangatho, kunye nezenzo. Ipropati nganye ivavanywa ngokusekwe kusetyenziso oluphambili kunye nendawo ekuyo ngaphakathi kwendawo ethile yoqingqo-maxabiso. Oku kuqinisekisa ubulungisa kunye nokungaguquguquki ekumiseleni amaxabiso eepropati.
Abanini bezindlu eDrakenstein banelungelo lokuchasa ukuxatyiswa kwepropati yabo ukuba bakholelwa ukuba ayichanekanga. Izichaso mazifakwe ngokuthe ngqo kumqingqi-maxabiso omiselweyo, hayi kuMasipala. Ikomiti yezibheno, enoxanduva lokusingatha izichaso, yenziwe ngabasebenzi abazimeleyo bepropathi. Akukho magosa kamasipala asebenza kule komiti, eqinisekisa inkqubo yophononongo olungakhethi cala.


