Abaqeqeshi abasakhulayo bayabhongozwa ukuba babhalisele uqeqesho lweCAF D licence couching course
Intatheli: Anele Raziya | Mqanduli
Abaqeqeshi bebhola ekhatywayo kwindawo yaseMqanduli ngaseMthatha kulindeleke ukuba bafumane uqeqesho ngaphantsi kwezifundo zeCAF D licence coaching course ezakubanjwa ngalo Mgqibelo.Â
Injongo zoqeqesho kulungiselelwa abaqeqeshi ukuba bafumane ilayisenisi zokuqeqesha kwaye baxhotyiswe nangolwazi malunga nendlela zokuqeqesha.
Umbutho webhola ekhatywayo, iMqanduli league Football Association yiyo eququzelela lomsitho uza kubanjelwa kwisikolo samabanga aphakamileyo, iQokolweni high school, uqala ngomhla wamashumi amabini nethoba uyokuma ngomhla wesithandathu kwinyanga ezayo (29 November to 06 December).
Sincokola nosihlalo kwiMqanduli league football Association, uSibusiso Gecwa uthe nabanina onqwenela ukuphuhlisa isakhono sakhe kwicala lokuqeqesha kwibhola ekhatywayo uvumelekile ukuba angabayinxalenye yabo bazakufunda izifundo zeCAF D licence coaching course ngalempelaveki eMqanduli.
“Kule CAF D licence coaching course sizakuyibamba wonke umntu ofuna ukuphuhlisa isakhono sakhe sokuqeqesha kwibhola ekhatywayo uvumelekile ukuba abhalise ukuze abayinxalenye yoqeqesho,” kutsho uGecwa.
Uthe nokuba umntu usuka kwindawo engaphandle kwaseMqanduli, uvumelekile ukuba abeyinxalenye yoluqeqesho lweCAF D xa efuna.
Uqhube wathi ukubhalisela ukuba yinxalenye yale coaching course umntu ngamnye kufuneka abhatale imali engange R2500 kwaye balindele abantu abangamashumi amathathu kuphela (30).
UGecwa ukwacacise nabanzi malunga nesizathu esikhokelele ukuba bacebe ukusindleka uqeqesho lweCAF D licence coaching beyiMqanduli league football Association.
“Njengokuba sine league esisando kuyisungula apha eMqanduli siye saqaphela ukuba uninzi lwabaqeqeshi bethu abanazo ilayisenisi zokuqeqesha, lonto yasenza sacela iSAFA ukuba isondele izoqeqesha abaqeqeshi bethu,” utshilo uGecwa.
Ngokomthetho weSouth African Football Association (SAFA) bonke abaqeqeshi abasebenza kumaqela aphezulu nasezantsi kunyanzelekile ukuba babenazo ilayisenisi kwaye injongo zoko zinzame zokuphucula umngangatho webhola kweli.
Ukanti naseMqanduli ngokusindleka kwabo uqeqesho lweCAF D licence coaching course bazama ukuphucula umngangatho webhola kwileague zabo.
Abo bafuna ubayinxalenye yoluqeqesho bangaqhagamishelana noGecwa kwinobholo ethi 083 210 3096 apho bazakufumana ulwazi oluthe vetshe.


