LocalNewsSports

Imbaleki izenzele imbali

Intatheli: Anele Raziya | Gcuwa

Imbaleki yeqela laseRhawutini elibizwa ngokuba yiPan African Resource Athletic club, uBayanda Gaga uzenzele imbali eGcuwa emva kokuphumelela umdyarho iSpargs SuperSpar 5KM ngempelaveki. 

Beziphume ngobuninzi imbaleki zaseMnquma nezendawo ezingqongileyo zikhuphisana kumdyarho obuxhaswe ngabakwaSpargs SuperSpar. 

NgoMgqibelo, umdyarho uqale ngaphambi kwale venkile yabaxhasi eGcuwa nalapho iimbaleki ezingaphaya kwekhulu bezikuphisana ngendawo zokuqala kumanina nasemadodeni. 

Ezimbaleki bezibaleka ukusuka eGcuwa edolophini uyokujika kwiziko lezoqeqesho, iButterworth Training College (BTC) ezinze kwilali yaseMission. 

Ekuqaleni kwalo mdyarho uGaga obalekela iPan African Resource Athletic club nokwayinzalelwane yaseNgqamakhwe, uthe ubinzima umdyarho kuba zonke imbaleki zisuke ngesantya esiphezuli ushiyana zisiya eBTC. 

“Khange kubelula ukubaleka kule 5KM kuba wonke umntu usuke ngesantya esiphezulu emgceni kwaye lonto ibinika uxinizelelo,” kutsho uGaga. 

Uqhube wathi ngexesha sele kujikiwe eBTC ibinguwashiywa nowashiywa ukubeyela edolophini apho ubuqale khona umdyarho kwaye zonke iimbaleki bezibonakalise ukuzimisela. 

Kodwa umfo kaGaga uye wasebenzisa amava ukuze aphumelele umdyarho njengoko ebalekela iqela elikhulu laseRhawutini. 

Ngokuphumelela kwakhe umdyarho uye wagoduka nemali engange R700, uMvuzo Mpofu obalekela iNgcobo Athletic club uye waphuma kwindawo yesibini. 

Oka Mpofu uye wagoduka nemali engange R600 kwindawo yesithathu ibenguSihle Qomboyi obalekela iMchubakazi athletic club. 

UQomboyi uye wafumana iwonga lemali engange R500 malunga nokuphuma kwakhe kwindawo yesithathu. 

Kwabasetyhini, iimbaleki zeqela iRoyal Strides Athletic club yakuNdabakazi bezizityela itheko kulo mdyarho njengoko ziphume zilandelelana kuwo. 

Kwindawo yokuqala ibengu April Esihle walandelwa nguAsonge Sidontsa kwindawo yesithathu yangu Liso Mvalo. 

Nabo abasetyhini baye bafumana amabhaso afana namadoda. Oka Gaga uvakalise ukonwaba kakhulu ngokuphumelela kwakhe