Umfana waseCuba uvule ishishini lamanzi ne ice cream ngoncedo lika masipala
11 September 2026 | Anele Raziya | Mnquma
Umfana osakhulayo welokishi yaseCuba eMnquma, uPendulo Mbali uphila iphupha lakhe emva kokufumana inkxaso kumasipala waseMnquma kwinyanga ephelileyo.
Ngaphambi kokuqambuka kweCovid19 kweli lizwe, uMbali wayongomnye wabasebenzi ebabesebenza kwicala lokuthengisa amanzi acocekileyo (purified water) kwigaraji yaseSasol esekuphumeni kwidolophu yaseGcuwa xa usiya kwicala laseMthatha.

Kwadlula iminyaka embalwa umfana waseCuba, uMbali wathatha isigqibo sakuba ahambe egaraji ayokuvula elakhe ishishini lokuthengisa amanzi acocekileyo kwenye yendawo zokulala kwaphayana eGcuwa nebizwa ngokuba yiLilitha Guest House.
Uqhubile neshishini lakhe kule ndawo elibukele lizama ukhula wade wafikelela kwicebo lokuba ayokucela inkxaso kumasipala waseMnquma kuze afumane izixhobo ezaneleyo zokwenza umsebenzi.
Uqala kwakhe ucela ukuncediswa ngumasipala ukuze akwazi uvula ishishini lakhe kwakungaphambi kokuba kuqambuke icovid19 eMzantsi Afrika.
Emva koko waye wahlala elindile, kwinyanga ka Ogasti umasipala uqale ngokuncedisa lomfana waseCuba ukuba angene kwinkqubo yakhe ebizwa Business Skills Programme nalapho aye wafumana uqeqesho malunga nekuqhuba ishishini.
Ekuqaleni kwale nyanga umasipala ubukhokhelwa nguCeba uSisa Matutu uye watyelela uMbali emphathele zonke izixhobo zokusebenza kwaye ezo zixhobo zixabisa imali engange R110, 000 thousands.
Kuye kwavulwa ngokusesikweni nendawo yakhe entsha athengisela kuyo eCuba kwaSdima kwaye igama leshishini lakhe libizwa ngokuba yiNikos Water Supplies.
Kweli shishini zininzi izinto ezithengiswayo kuquka amanzi ne ice cream nezinye izinto ezimnandi.
“Ukuvulwa kweli shishini kuzonceda uvelisa amathuba weengqesho kwaye nolutsha lizokhuthazeka ukuba liphakame lenze izinto zibonakale,” kutsho uMbali emva kovulwa kweshishini lakhe.
Uqhube wathi ujonge phambili ukusebenzisana nabathengi bakhe kwaye uzivulile izandla ucebisa ulutsha olunqwenela ukuqala amashishini.
Uceba uSisa Matutu obethetha egameni lika sodolophu, uthe umasipala uzivulile iingcango ukuba ulutsha olunqwenela ukuvula amashishini lize ngaphambili lizokufumana inkxaso.
Uthe ulutsha akufunekanga lijonge kwinto yokhangela imisebenzi kuphela koko malizame liziqeshe ngokuthi livule nokuba ngamashishini amancinane.
“Singatsho sithi umasipala uyawaxhasa amashishini amancinane ngokweenkqubo zakhe anazo,” kutsho uMatutu.
Uthe lifikile ithuba lokuba ulutsha luphakame lifezekise amathuba walo ngokuqala izinto ezizakwenza ingeniso watsho eqwabela izandla uMbali oziqalele elakhe ishishini.
Urhulumente weli usoloko eyikhuthaza into yokusungulwa kookopolotyeni kuzo zonke iindawo ingakumbi emaphandleni kuba lonto uthi iyancedisa ukunciphisa izinga eliphezulu ledlala kwaye lomashishini mancinane adlala indima ebalulekileyo ukhulisa uqoqosho ekuhlaleni.

