CommunityNews

Itshe yaluthuthu imizi eLusikisiki

29 June 2023 – Monwabisi Khininda

ELusikisiki

Yimizi eliqela ethe yatshiswa yangqongqa kwilali yaseMakhwaleni eLusikisiki nto leyo ebangele ungquzulwano phakathi kombutho we-ANC kunye nabahlali. Umbutho ozimeleyo wabahlali nobizwa ngokuba ngu “Mthi uzimele” kunye nolawulayo i-ANC bebevutha bengabaselwanga ngumsindo ngoMvulo weveki ephelileyo, phambi kwenkundla kaMantyi eLusikisiki.

Oku kuza emveni kokuba kubanjwe kwavalelwa amadoda amane natyholwa ngokuba anesandla ekutshisweni kwezindlu zamalungu e-ANC eMakhwaleni. I-ANC ithi makangayinikwa ibheyile la madoda abanjiweyo noxa aboMthi uzimele besithi mabakhululwe kuba akukho siqinisekiso sokuba ngabo abatshise imizi.

Ukanti kwelinye icala abahlali okanye umbutho wabahlali bagxeka umbutho we-ANC ngelithi uzithathela izigqibo ngaphandle kwabo nto leyo izokwenza kungabikho zinzo kulandawo. Baphinda batyhola amapolisa ngokukhetha icala kulenyewe.