AgricultureLocalNews

AMAFAMA WASEMBHASHE AYAXHOTYISWA 

NGENDLELA ZOKULONDOLOZA IMFUYO

Intatheli: Anele Raziya | Mbhashe

Isebe lezolimo likunye nomasipala waseMbhashe eDutywa bathe qholo ukufundisa amafama waseMbhashe malunga nendlela zokhathalela imfuyo nokuyidipha ingakumbi izilwanyana ezifana nenkomo. 

Konke kulandela inkqubo ebintsuku ntathu ebibanjwe eDutywa uqala ngoMvulo nalapho bekufundiswa amafama malunga nendlela zokulondoloza imfuyo nokuyidipha ukuze ingcineke icocekile ingakumbi iinkomo kumakhala nezinye izilwanyana. 

Le nkqubo intsuku ntathu yokufundisa amafama ibiququzelelwe ngumasipala waseMbhashe ubambisene neSebe LezoLimo kunye nenkampani yakwaMSD Animal Health kwaye ibibanjelwe kwiholo yedolophu yaseDutywa. 

Wonke amalungu weMbhashe livestock farmers association phantsi kwedolophu yaseDutywa wonke ebeyinxalenye yalo msitho. 

Eyona njongo ibiphambili yale ndibano, ibikufundisa amafama ngemfuyo, ngeendlela ezifanelekileyo zokukhathalela impilo yezilwanyana, ukubaluleka kokudipha iinkomo rhoqo kunye neenkqubo ezichanekileyo zokulawula amakhalane nezinye izifunxi-gazi ezihlala ngaphandle emzimbeni wezilwanyana. 

“Ukuze iinkomo zilawuleke ediphini mazibe namaxesha eziya ngawo ediphini, khona ukuze ziwaqhele kwaye zifundiseke. Umzekelo, ehlotyeni iinkomo maziye ediphini qho emva kweentsuku ezili-14 ze ebusika qho emva kweentsuku ezingama-28, lo nto yenza ukuba zingalibali konke ekumele zikwenze xa zifika ediphini ukusukele ekungeneni de ziyokuphuma. Zitsho ziqeqesheke zingasoloko zibethwa”, uyivule ngalo mazwi utata uMboniso Mntumni nonguSekela Sihlalo kwiMbhashe Farmers Association, ngethuba exhobisa amafama ngohlobo lokudipha. 

UMboniso uthethe ngokubaluleka kokucoceka kwediphu, ukubaluleka kokufaka idiphu kwangexesha, ukwazi umyinge wamanzi asediphini khona ukuze wazi umyinge wediphu oza kuwugalela kunye nokuqinisekisa ukuba iinkomo azilimali ngethuba zidipha.

UMagcinonke Gomana oligosa lakwaMSD Animal Health kwintetho yakhe uthethe ngendlela yokhathelela izilwanyana

Uqhube wadakanca ukubaluleka kokuthintelwa kwamatakane namathole ngethuba eselula ukuze angafumani izifo.

Uye wachaza iintlobo- ntlobo zediphu kunye nohlobo ezisetyenziswa ngalo. Ethetha ngemelinganiselo eyiyo yediphu watsho esithi, “amaxesha okudipha kunye nendlela yokudipha zixhomekeke kwimveliso umntu ayisebenzisayo”.

Amafama abezimase lomsitho aye afumana ithuba lokuba nawo abenegalelo kulo mhlangano kwaye avakalise izimvo zawo. 

Kwaye amafama waseDutywa athe afunde lukhulu kule nkqubo ibisindlekwe ngumasipala ngenjongo zokuwaxhobisa. 

Athe aza kuqhubeka efuyile ukuze adlale indima ebalulekileyo kuqoqosho lasekuhlaleni. 

Kwaye into yokufuya iye idlale indima nakwicala lokugxotha idlala nokuvula amathuba weegqesho. 

Aboniswe nangamayeza ekumele awasebenzisa ukungcina imfuyo yawo isempilweni. Le nkqubo iye yajikeleza kuzo zonke idolophu zaseMbhashe uqala eDutywa, Gatyane naseXhorha kuxhotyiswa amafama.