Ziyaphuculwa iinkonzo zesebe lezeThutho eNtabankulu
24 August 2023 – Anele Raziya
ENTABANKULU
Abaqhubi beemoto kwindawo yaseNtabankulu engaphantsi kwengingqi ye Alfred Nzo sokuze baphinde basokole xa befuna ukurhafela izithuthi zabo okanye ukuhlaziya amaphepha wabo wokuqhuba, ilayisenisi.
Kulandela emva kokuba umasipala waseNtabankulu eye wenza isibhengezo esithi kugqityiwa ukwakhiwa kwesakhiwo sesebe lezoThutho, iTraffic Department ezakunceda bonke abemi bomandla waseAlfred Nzo.
Esi sakhiwo siqaliswe ukwakhiwa kwinyanga ezimbalwa ezidlulileyo kwaye injongo zika masipala zokwakha iTraffic Department kuncede wonke ubani odinga inkonzo zeli sebe.
Ngokwengxelo kuyavakala ukuba abantu baseNtabankulu bebenkcithe imali ezinkulu ngokuthi bakhwele besiya kwezinye iindawo ezingaphandle kwengingqi yaseAlfred Nzo xa befuna iinkonzo zesebe lezoThutho kwaye lonto ibingumcelimngeni njengoko uninzi lwabahlali lungesebenzi.
USodolophu waseNtabankulu, uTsileng Sobuthongo uthe esi sakhiwo seTraffic Department sizakunikezela ngazo zonke iinkonzo zesebe ezidingekayo eluntwini.
USobuthongo uthe sokuze baphinde baye kwezinye iindawo abahlali baseNtabankulu xa befuna inkonzo zakwaTraffic Department.
Ukugqitywa ukwakhiwa kwesi sakhiwo kuzoncedisa nomasipala waseNtabankulu kwicala lokuqokelela imali ngeniso ethe xhaxhe xa kuthelekiswa kunakuqala. Lo mali izokusebenza ukuncedisa kuyo yonke imicelimngeni ejongene nomasipala.
Kwaye kulindeleke ukuba kuvele namathuba emisebenzi kwabo bazakuqeshwa ukuba bazise iinkonzo eluntwini kule Traffic Department.
Kungekundala umasipala uza kwazisa ukuba esi sakhiwo sesebe lezoThutho sizakuvulwa nini ngokusesikweni.
Okwangoku inkampani ibisakha le Traffic Department isasonga umsebenzi wayo kwaye iqinisekisa ukuba wonke umsebenzi wenziwe ngendlela efanelekileyo.

