UMphathiswa ucebisa iinkosi ngentsebenziswano
12 EyeDwarha 2023 – Anele Raziya
MPUMA KOLONI
UMphathiswa ojongene neeMicimbi yeeNkosi eMpuma Koloni, uZolile Williams uhlabe ikhwelo kwiinkosi zaseMnquma ukuba zisebenzisane norhulumente ukuphucula impilo zoluntu ekuhlaleni.
Ebethetha ngexesha Amazizi Traditional Council kwilali yaseNgxalathi ebesindleke umsitho wokuvulwa kwendlu yeenkosi, iAmathole District Local House of Traditional & Khoisan Leaders kwiveki ephelileyo.
Iinkosi ebeziphuma kwingingqi ezahlakuneyo eMnquma naseMbhashe, Indlu yeeNkosi ephondweni nebimelwe nguNkosi Xhanti Sigcawu, umasipala waseMnquma kunye nabahlali bebeyinxalenye yalo msitho ubuyimbali kwindawo yaseNgxalathi.
UWilliams obesisithethi esiphambile kulo msitho, uthe ukusebenza ngokubambisana kweenkosi kunye norhulumente lonto izakuthi iphucule iinkonzo eziya eluntwini nangakumbi.
Uqhube wathi iinkosi ekuhlaleni bekumele ukuba zezona zikhokelayo kwicala lokurhweba abatyali zimali ukuze uphuhliso luqhubele phambili kwindawo zazo.
Uye wavalelise ngelicela abantwana begazi ukuba bawulwe uphele lomkhuba wokruthu-kruthwano kwiintsapho zabo xa kufuneka kungene omnye welungu losapho kwisikhokelo, kuba lonto iye iphazamise ekuphuculweni kwempilo zoluntu ekuhlaleni kwaye yenze kungabikho zinzo kubukhosi bekhaya.
UNkosi uXhanti Sigcawu uthe kuluvuyo ubona iAmathole District Local House of Traditional & Khoisan Leaders ivulwa eGcuwa kwaye uthe lonto ibonakalisa intsebenziswano.
UNkosi Sigcawu uthe ukuvulwa kwale Ndlu eGcuwa kubonakalisa ukubambisana kweenkosi usuka ekuhlaleni uyokuma ephondweni.
USomlomo webhunga lomasipala waseMnquma, uMonica Qaba uthe bengumasipala bachulumance kukuvulwa kwale ndlu yeenkosi kwaye unethemba lokuba bazakusebenzisana bebonke uqinisekisa ukuba iinkonzo ziyafikelela kuluntu.
Njengokuba iinkosi nazo zikhona ebhungeni lomasipala lonto ichaza ukuba nazo zinaxanduva kwicala lokuphuculwa kwenkonzo eziya eluntwini kwaye zidlale nendima ebonakalayo kwicala lokurhweba abatyali zimali ukulungiselela uphuhliso kwindawo ezihlala kuzo.


