CommunityPoliticsVIDEO

KUKHUTHAZWA UKUGCINWA KWEENDAWO ZICOCEKILE

Aphume iphulo ama”volunteer” lokufundisa uluntu malunga nokugcina iindawo zicocekile. Oku kunqanda izifo ezinokuvela ngenxa yobumdaka obubangelwa kukulahlwa kwenkunkuma kwindawo ezingakufanelanga oko. UMnu Simphiwe Nonkeyizana ukuchaze oku njengokukhusela namashishini ingakumbi lawo ashishina ngokutya nanjengoko inkunkuma ilahlelwa nasecaleni kwezi ndawo eziphekayo. Kwezinye zezindawo abantwana badlala kuyo inkunkuma, kwaye ke eli phulo lizakuncedisa nokuthi abantu bakwazi ukugadana ukuze zihlale zicocekile iindawo zabo.