Ifunyenwe imizimba yabantwana ababini baseNgqeleni
30 EyeNkanga 2023 – 06 EyoMnga 20203 – Monwabisi Khininda
NGQELENI
Ngabantwana ababini abaneminyaka emithathu qwaba ubudala abatshone kwidama elikwi lali iLudaka eNgqeleni kwisithuba secala emva kwentsimbi yesixhenxe ngoMgqibelo. Kutyholwa ukuba amaxhoba ebedlala emanzini ngethuba besohlulalakala.
Obekunye nabo uye wasingisa ekhayeni apho axelele abantu abadala ngesi sehlo. Kuye kwaphehlelelwa iphulo lokukhangela kodwa imizimba ifunyenwe emalanga idada ngaphezulu kwamanzi.Isithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo uthi kuvulwe ityala ukuze kuqhutywe uphando. Amapolisa abongoza abazali ukuba bangavumeli abantwana buqubhe emadamini bengekho phantsi kweliso labantu abadala.
