Local

Uburhulumente bebusezinkonzweni zePasika

Ngcobo

Inkulumbuso yePhondo leMpuma koloni uOscar Mabuyane ebeyinxalenye yenkonzo yamaWisile ase Ngcobo kwinkonzo yamazwi asixhenxe. Oku kukhuthaze abaninzi ukubona inkokheli ziphakathi ebantwini. Abenkozo yaMawisile bakuvuyele ukuba kwinkonzo yabo baphelekwe yinkokheli. Inkonzo le ikhokhelwe ngumama uSonamzi notata uSonamzi nabathe gqolo ukunikela ebantwini abasweleyo ingakumbi abedolophu yase Ngcobo. Inkonzo le yanikisa nangempahla kwikhaya elibizwa iSiyakhana.

Umama umfundisi uSonamzi ubulele kuye wonke umntu othathe inxaxheba yenziwa inkonzo yepasika yade yaphela. Sibulela kwabo bancame amakhaya wabo nezindlu zabo balalisa abanye babo bekhupha imali ukuze yonke inyo ihambe kakuhle sithi babuyele kumakhaya wabo kukho uxolo nothando,” utshilo umama uMfundisi uSonamzi. Inkulumbuso yePhondo iphelekwe nguSodolophu womasipala USiyabulela Zangqa babeyinxalenye yayo nemithandazo eqhutyhiweyo kuthandazelwa izinto ezenzeka eNgcobo.

Oyinkulumbuso yePhondo u Mabuyane ushiye imyalezo kuye wonke umntu esithi bayavuya abantu xabephumile basabela  ilizwi lenkosi ufuna bagoduke benoxolo. “Siyafuna uyaleza kwabo bazakuqhuba ezindleleni ukuba bahambe kakuhle bathobele imithetho yezendlela ukuze wonke umntu afike ephephile,asifuni ukuva zinto zimbi emva kwepasika,” utshilo uMabuyane.

Omama base Wisile bafumene nethuba lokuthandazela abantwana babo abathe bhakada kwiziyobisi. Umama uNosimo Ndalaza uthi bavuyile xa kufika ixesha lepasika kuba basondela kakhulu kuThixo babike ingxaki zabo.” Siphuma sonwabile sigcobile sikwazile ukuyaleza izinto ezingasiphathi kakuhle kophezulu kuba kumakhaya wethu akusekhonto ilula sihleli nangokoyika singomama kuba siyagetyengwa, siyavuya ipasika siyitye kakuhle kakhulu,” utshilo umama uNdalaza. Ukusweleka kwabantu kwidolophu yase Ngcobo khange kubekhona kulempelaveki yepasika.