Zifakelwe izibane edolophini eNgcobo
28 EyeNkanga 2024 – 11 KweyoMnga 2024
Emva kwexesha elide abahlali bedolophu yase Ngcobo belindele ukuba kulayitwe ekugqibeleni izibane ziyakhanyisa.Idolophu yase Ngcobo ibikade imnyama tsu kusoyikeka ebusuku kodwa ngoku kukhanya de uyophuma. Eli phulo lokufakela izibane edolophini liqhutywe ngusomashishini onenkampani ebizwa SNR ka Sifundo Rabane oyinzalelwane yase Ngcobo.
Usifundo ukhe wokhela ikhaya olunye usapho olwalutshelwe yindlu ekwakuquka kuyo amalungu osapho. uSifundo uthi into yokunceda abantu isentliziyweni kuye uzova onwabile xa ebona ukhona umahluko kwimpilo zabantu ngenxa yakhe. “Ndenza lonto ndikwazi ukufikelela kuyo ndinceda apho ndikwaziyo khona, okwam kukuqinisekisa ukuba ndiyawenza umahluko ekuhlaleni nakwidolophu lena ndikuyo,“ utshilo uSfundo. Abahlali belali zase Ngcobo ebekudala bekufuna bakufumene.
Ongumhlali uThando Tunce nomele abahlali kumbutho iSanco uthi idolophu ilayita kakuhle kakhulu kumhlophe yonke indawo amasela ngoku awanandawo yakwenza bugebenga, uthi kudala bequqa kumasipala becela izibane zokukhanyisa edolophini kodwa kunzima, uthi kwande apho uSfundo athathe khona.Ilokishi ebizwa Masonwabe nayo iyakhanya.

