Iinkokheli zase burhulumenteni zityelele izikolo embashe
30 EyoMqungu (Jan) 2025 – 12 EyoMbumba (Feb) 2025
Intatheli: Anele Raziya
Izikolo ezahlukeneyo kwilali zaseMbhashe kuquka nezo zisezilokishini zifumene inyhweba yokutyelelwa zinkokheli zaseburhulumente ngaphantsi kwenkqubo eyaziwa njenge Back to school campaign.
Usekela Mphathiswa kwiSebe elijongene neeMicimbi yezeMveli, uZolile Burns-Ncamashe, uMphathiswa weZimali eMpuma Koloni, uMlungisi Mvoko, ooceba baseMbhashe bekhokelwa nguSodolophu uSamkelo Janda bebonke baye batyelela izikolo zaseDutywa naseXhorha kwiveki ephelileyo.
Injongo zotyelelo bebekhuthaza abafundi bebaxelela ukuba kufuneka bafunde ngokuzimisela kwangexesha kusaqala unyaka ukuze babekamva eliqaqambileyo kwiminyaka ezayo.
Kwizikolo zaseXhora ezityelelweyo ziquka iZangqolwane S.S.S kunye nakuManzi J.S.S. Ukanti eDutywa kwindawo yaseChizele batyelela iVulingcobo S.S.S kunye neGem J.S.S.
Ethetha kolu tyelelo uMphathiswa uBurns-Ncamashe ukhuthaze abantwana besikolo saseZangqolwane S.S.S ngendlela yokuziphatha kwaye ebabongoza ukuba kwizigqibo zonke abazithathayo ebomini bangayilibali intlonipho kwaye bazikhwebule kwiziyobisi.
“Thathani izigqibo kwizinto ezifanele ukukhethwa. Uyilento uyiyo ngenxa yezigqibo owazikhethayo, ukuze ubengumntu ohloniphekileyo okanye ophumeleleyo funeka ukhethe intlonipho” utshilo uNcamashe.
Ukanti uMphathiswa weZimali uMlungusi Mvoko uye wancoma iziphumo zemviwo zebanga le shumi zesikolo saseVulingcobo S.S.S eqwalasele nemeko yesisikolo kunye nemiceli-mingeni yaso.
“Iingxaki zalapha siyazibona ngamehlo, azidingi kubhalwa phantsi kwaye iziphumo zesisikolo ziyakhuthaza kakhulu.
Esisikolo besifanelwe kuxhaswa kangangoko” kutsho uMvoko.
Uqhube wathi izikolo ezijameleni nemiceli-mingene equka izakhiwo ezingekho semngangathweni, urhulumente ukhona kwaye uyangenelela uqinisekisa ukuba abafundi bafundela kumagumbi aphucukileyo.
Ukwathi isebe lezemfundo libambisene norhulumente wephondo likhona ukuba lize nezisombululo kwingxaki ezijamelene nezikolo zeli.
Ngethuba esenza amazwi wombulelo uSodolophu uJanda ubulele wonke amasebe karhulumente acwangcise lenkqubo.
Ubulele neenkokheli zamasebe karhulumente ezithe zathatha uxanduva lokulandelela yonke imiceli-mingeni echaphazela izikolo zaseMbhashe kwaye zazisa iinkonzo zakwaSASSA, ezesebe lezeMpilo nezeSebe leMicimbi yezaseKhaya (Home Affairs) kufutshane noluntu lwelali yaseChizele eDutywa.
“Sivile ukuzibophelela kwezinkokheli ukuba akuphelelanga apha. Xa sisebenzisana ngoluhlobo kuzakubalula ukuba inkonzo zikhawuleze zifike eluntwini” utshilo uJanda.
Le nkqubo yeBack to school iye yaqhuba nakwizikolo zaseMnquma ezi nkokheli zikhuthaza abafundi kwaye zijonga nemiceli-mngeni yezikolo ziyibhala phantsi ukuze kubekhona izizombululo kuyo.


