UDIBANISA AMA-61 EMINYAKA UTATA OZIGCINA NGOKUBALEKA
Intatheli: Ntsikelelo Jonga

Kraaifontein: Owaziwa ngegama elingu’Ta-Ero’ noyinzalelwane yaseMt Fletcher ohlala ke ngoku eBloekombos eKraaifontein nongutatomkhulu kubazukulwana, engutata ebantwaneni, udibanisa ama-61 eminyaka ephila futhi engabikwa hlaba.
Uthi ukungena esibhedlele okanye ukubonana noGqirha kwiminyaka engama-20 eyadlulayo. “Mna andinazo izigulo ezifana neswekile (diabetes), kwanoxinezelelo lwengqondo nezinye ke izigulo kuba ndizigcina ngokuvuka ndiqale ngokubaleka imigama emide yonke imihla phambi kokuba ndenze imisebenzi yosuku”, uchaze watsho uTa-Ero.
Ubaleka umgama ukusuka eBloekombos ayokufika eStellenbosch ukanti ke ngamanye amaxesha uyafika naseParow. Uthi ke ukubaleka kuko kodwa okumgcine esempilweni kwaye engaguli. Ukwathe umema bonke ootata ukuba bamjoyine ukuze basinde kwizigulo ezihlaselayo.
Nanjengoko ukubaleka kulupholisa uxinezelelo lwasengqondweni,   ukwathe ootata abaninzi bazifumana sebebandakanyeka kwizenzo ezitenxileyo nezigwenxa, kanti ke ukuba bangazeka mzekweni bamjoyine kweliphulo lakhe, bangasinda kwizinto ezininzi.

