Community

Ufihlwe ngesidima nesithozela umama uMamiya

GUGULETU

Abahlali base Section 3 apha ingakumbi kummandla wezitalato iNY148, 149 kunye NY 147 bavakalise okokuba bona bazibone sele bephantsi kweshwangusha kukushiywa ngumama uMamiya, uNompumelelo Nokulunga Gcilishe.  Aba bahlali bebelibethe lama ngee mbambo iholo lase Guguletu Comprehensive.

  Inkonzo yomfihlo wale ntombi yaphaya kwi lali yase Rhabhula ku Qoboqobo ibibanjwe phantsi kwe bandla iStep Faith Ministry nkonzo leyo ebiphethwe nguMfundisi uMasekwana.  Abaninzi babazili bavakale bemncoma loMfundisi ngendlela ebeyiphethe inkqubo yalo  mfihlo kuba intshumayelo yakhe ibivuselelela ubuKrestu.  

Ukanti phakathi kwezithethi ebezinikwe ithuba abommandla wase Section 3 bavakale beyincoma kakhulu inkosazana uStompie Macana noye wayibandakanya indima athe wayidlala umama uMamiya ekudibaniseni abahlali ngemvano nasikukhuliseni ngonceda abo bantwana ebebezii ndwadunge.