Crime & SafetyLocalNews

Banqakulwe bavalelwa abeba imali kaSASSA

 

 

21 EyoMsintsi 2023 – Monwabisi Khininda

MPUMA KOLONI

Iliwa libheke umoya kumanina amane aseMpuma Kapa athe abhalisa abantwana abangekhoyo nto leyo ngolwimi lwengingqi yaziwa ngokuba “ziimbombozi” kuba befuna ukwamkela imali yesibonelelo sikarhulumente sabantwana, kulandela ukubanjwa kwawo eFlagastaff naseMbizana. Ibutho looKhetshe (Hawks) linqakule lavalela uGladys Ntlawuzana Komboyi (48), uNwabisa Precious Godlwana (36), uMantshangase Abigail Godlwana (59) kunye noGcobisa Godlwana (22). Bebonke bathe bavela kwinkundla zamatyala eMthatha bejamelene nezityholo zobuqhebetseba norhwaphilizo.

Ityala labo lamiselwa umhla wethoba 9 kuOkthobha 2023. Bonke bathe banikwa ibheyile ye-R3000 umntu emnye. Kwaba bathe babanjwa kukho abongikazi ababini besibhedlele iBambisana eLusikisiki nesibini sasekuhlaleni. Kuvakala ukuba abongokazi aba bebethi babhalise abantwana abangekhoyo ngelithi babelekelwe kweso sibhedlele, kube sekubhaliselwa imali yesibonelelo sabantwana kwisebe lakwaSASSA (South African Security Services). Kuvakala ukuba abasolwa babambeke kwisebe leZekhaya.