Abasetyhini mabamanyane balwe ukuxhatshazwa
NguMonwabisi Khininda
UKhansela Nomonde Nkukhu oSisabhokhwe (Chief Whip) sombutho i-ANC phantsi komasipala waseMatatiele uthi kubalulekile ukuba amanina azingce ngomqela odlalwe ngumama uMaggieTsiu-Resha,kwaye mawazeke mzekweni ekukhanyiseni igama lamanina.Yonke le miceli-mingeni khange imthintele ekubeni litshantliziyo lasekuhlaleni kuba ngomnyaka wama-2006 wachongwa wabalilungu leKomiti yeWadi kwawadi 5.Ebesisithethi esiphambili kumcimbi wokuhlonipha usuku lamanina kulewadi.Kulenyanga yamanina uNkukhu uthi kuwo wonke amanina mawazithembe,azi ukuba indawo osuka kuyo ayisiso isithintelo kwiinjongo anazo umntu,kungakhathaliseki ukuba zinjongo zini ezo.Ukwathi eMzantsi Afrika liphelile ixesha apho izikhundla zazilungele abantu abathile kuphela;namhlanje abasetyhini banako ukuhlala nakwizikhundla eziphezulu zobunkokheli.Uqukumbele ngelithi kubalulekile ukuba abasetyhini bamanyane ukuze boyise umkhuba wokuxhatshazwa kwabasetyhini nabantwana.


