Baneshedi eUpperQebe eNgcobo
Umphathiswa weSebe leZolimo obekekileyo u Nonceba Khontsiwe unikezele ngokusesikweni ishedi yokuchebela igusha kwilali yase Upper Qebe phantsi komasipala iDr Ab Xuma.Abahlali belali le kudala besiwa bevyka befunana naleshedi.Indawo yokuchebela igusha bebeyidinga kakhulu otata kwakunye nomamaabathi baqala leshedi.Ishedi le bayiqale bengamalungu amangamashumi amabini anesibhozo ,besebenzela kumzi othile. Olilungu laleshedi utata u Vena Mthobisi uvakalise ukuba bavuya kakhulu kuba basuka kude naleshedi,uthi bekunzima kakhulu kuqala uboya babo bephisa ngabo kwimoto ezidlula ngendlela ,kodwa sele baphuma kuleyo ngoku banendawo ababusa kuyo uboya babo.Siyambulela uMphathiswa ngaleshedi kuba ukokhiwa kwayo kuzosincedisa ukuphucula nendlela le buyiyo uboya bethu, nanjengoko sele noko siwubona umahluko kwicala lezimali, “utshilo utata uVena. Obekekileyo uMphathiswa uNonceba uKhontsiwe unyathele okokuqala kwilali lena esithi bazokuxhasa amafama kuba bafuna lento bayenzayo yokufuya ibeyinto abaphila ngayo,ekwafuna wonke umntu axhamle ingakumbi kwicala lemali yoboya. “Siyakhuthaza afama mawangatyhafi ndiyayazi zininzi izinto ezenzekayo kodwa okwam kukubakhuthaza babheke phambili. ,”utshilo uMphathiswa uKhontsiwe. Abombutho we Wool Growers phantsi kwesikhokhelo sika tata Jezile nabo bayamnkele leshedi.



