BusinessCommunity

Uzenzele igama kubutsha bakhe

OnguSomashishini osakhulayo u Zoleka Mgxotshwa nozalwa kwilali yaku Beyele eNgcobo uvale  inyanga  yamanina ngokuthi avulele amathuba  emisebenzi  kubantu abatsha abangathathintweni kwishishini lakhe lokwenza inwele.

Elishishini naliqale esengumntwana wesikolo xa kunamhlanje liyimiphumela yokufezekisa iphupha lakhe.Yiminyaka emithathu elishishini liqhuba kodwa uZoleka ubone uba makalazise ngokusesikweni.

Unikele kumakhaya angathathintweni u Zoleka emva kokubona inxaso ibisuka ebantwini. Iminyaka yakhe engamashumi  amathathu anesibhozo  uZoleka ufune ukuyigqiba eneyakhe imali engaxhomekanga mntwini. 

Ubakhuthazile  abantu abatsha ukuba mabaphakame baqale izinto ezizezabo bangazijongeli phantsi,esithi ukuqala yeyonanto inzima kakhulu,nabo basafuna ukubazizinto ebomini mabakhuthazeke. “Ndiyazingca ngokuthi ndisuka kwikhaya ebelingathathintweni kodwa ngoku leyo yimbali endimana ndibalisa ngayo,mntu omtsha phakama sulinda unikwa ,abantu bayamxhasa umntu oyaziyo into ayifunayo,nam ndixhasiwe de nam ndaxhasa nabanye  abantu ukuze ndibelapha,”utshilo u Mgxotshwa.

Izihlobo kwakunye nabefundisi banike intsikelelo kwishishini lika Zoleka.Ongu Ceba edolophini u Sivuyile Platyi ukuzimasile oku.Loka Platyi ushiye umyalezo esithi bayamkhuthaza u Zoleka aqhube neshishini lakhe abheke phambili,ahloniphe abantu ukuze konke kubeyimpumelelo.Abathe bafunana ithuba lokwazi ukubeka ukutya etafileni ngenxa yelishishini babamba ngazo zozibini ku Zoleka.

Umfanekiso:Usomashishini osakhulayo uZoleka Mgxotshwa wase Ngcobo evula indawo eyeyakhe yosebenza.