Uzenzele igama kubutsha bakhe
OnguSomashishini osakhulayo u Zoleka Mgxotshwa nozalwa kwilali yaku Beyele eNgcobo uvale inyanga yamanina ngokuthi avulele amathuba emisebenzi kubantu abatsha abangathathintweni kwishishini lakhe lokwenza inwele.
Elishishini naliqale esengumntwana wesikolo xa kunamhlanje liyimiphumela yokufezekisa iphupha lakhe.Yiminyaka emithathu elishishini liqhuba kodwa uZoleka ubone uba makalazise ngokusesikweni.
Unikele kumakhaya angathathintweni u Zoleka emva kokubona inxaso ibisuka ebantwini. Iminyaka yakhe engamashumi amathathu anesibhozo uZoleka ufune ukuyigqiba eneyakhe imali engaxhomekanga mntwini.
Ubakhuthazile abantu abatsha ukuba mabaphakame baqale izinto ezizezabo bangazijongeli phantsi,esithi ukuqala yeyonanto inzima kakhulu,nabo basafuna ukubazizinto ebomini mabakhuthazeke. “Ndiyazingca ngokuthi ndisuka kwikhaya ebelingathathintweni kodwa ngoku leyo yimbali endimana ndibalisa ngayo,mntu omtsha phakama sulinda unikwa ,abantu bayamxhasa umntu oyaziyo into ayifunayo,nam ndixhasiwe de nam ndaxhasa nabanye abantu ukuze ndibelapha,”utshilo u Mgxotshwa.
Izihlobo kwakunye nabefundisi banike intsikelelo kwishishini lika Zoleka.Ongu Ceba edolophini u Sivuyile Platyi ukuzimasile oku.Loka Platyi ushiye umyalezo esithi bayamkhuthaza u Zoleka aqhube neshishini lakhe abheke phambili,ahloniphe abantu ukuze konke kubeyimpumelelo.Abathe bafunana ithuba lokwazi ukubeka ukutya etafileni ngenxa yelishishini babamba ngazo zozibini ku Zoleka.


