HealthLocalNews

IMpuma Kapa idlakazwa zizifo ezinganyangekiyo

Intatheli: Monwabisi Khininda

Mpuma Kapa – Urhulumente wephondo leMpuma Kapa uthi eli phondo lijongene nomnqatsa kwidabi lokulwa ukunwenwa kwentsholongwane keGawulayo (HIV/AIDS) nesifo sePhepha (TB). Ngokwenkcukacha manani zikarhulumente eli phondo lime kumyinge ka-11,4% abaphila nentsholongwane kaGawulayo. Oku kuthetha ukuba ngabantu abangama-896 528 abaphila noGawulayo kweli phondo.Ibambela Nkulumbuso uMlungisi Mvoko uthi okuphazamisa kakhulu kukunyuka kwenani lokosuleleka kubantu abasetyhini abaphakathi kwama-40 ukuya kuma-44 abafikelela ku-43% nani elo linyuke ngo-5% xa kuthelekiswa nenani likaZwelonke.

UMphathiswa uMvoko ebethetha eMonti ngoLwesine weveki ephelileyo kwindibano yeBhunga lesifo uGawulayo (Eastern Cape Aids Council). “ Ungenelelo lwethu lujolise ekuvaleni umsantsa abayi-1.1 yezigidi abafikelela kunyango lwamachiza kunye nephulo lokufikelela kwizigidi ezihlanu zamaphulo okuphelisa isifo sePhepha.Iinkqubo zethu zokuhlangula impilo zabantu ziqinisekisa ukuba umyinge wama-95% wabantu abaphila nentsholongwane keGawulayo luqaliswa liqalisa unyango le-ART,” kucacisa ibambela Nkulumbuso uMvoko.Kulentlanganiso kubalulwe ukubaluleka kokuphuculwa kokugcinwa kwabantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo behleli kunyango ngokunikwa iimfundiso zokwenza njalo.

Kuphinda kudityaniswe inkqubo yokulwa i-TB kunye novavanyo lwentsholongwane kaGawulayo.Urhulumente ubalule ukubaluleka kokujongana emehlweni noonozala balengxaki emehlweni noonozala balengxaki abaquka ukumitha kwamantombazana aselula ngeminyaka ingakumbi abaphakathi kweminyaka elishumi ukuya kwishumi elinethoba eminyaka ubudala echazwa njengexhalabisayo. UMvoko uthe: “Ukumitha kwamantombazana aselula kuboxutha ikamva eliqaqambileyo kubabeke emngciphekweni wokosulelelwa yi-HIV ukwanda kwendlala kunye neengxaki zempilo nezasekuhlaleni.”

Urhulumente uyavuma ukuba ukushokoxeka kwemali ngumqobo nomceli mngeni ukugcina ezinkqubo zezempilo.