Crime & SafetyLocalNews

I-CHR ithumele ubungqina ngoTyekela Protection Services 

Intatheli: Monwabisi Khininda

I-Independent Commission for Human Rights  (ICHR) iqhuba uphando ngakuTyekela Protection Services emva kokufumana iingxelo zokungaphathwa kakuhle kwabasebenzi, ukungamkeli, ukugrogriswa kwabasebenzi eBuffalo City Municipality. Ngokwengxelo ye-Private Security Industry Authority (PSIRA) le komishoni seyize neengxelo ezisaphandwayo ubunyani bazo. Ingxelo ye ICHR ilandeleke xa umnikazi wenkampani uMnu. Tyekana etyholwa ngokugxotsha abasebenzi abathathu kuba beye enkundleni yamatyala ukuyoxhasa oogxa babo ngomhla we-19 Novemba. Oku kugxotshwa kwaba nogada kongeza kwintaphande yezityholo ngakule nkampani.

IKomishoni iyifumene ingqiniseko kwa-PSIRA yokuba le miba kuthethwa ngayo izonikwa ingqwalasela. UMnu. Tyekana uxelele iKomishoni ukuba yahlukane naye nenkampani yakhe. Ukuba ezi zityholo zifumaniseke ziyinyani uTyekena Security Services angathathelwa incwadi (operating licence). I-ICHR izikhabile izityholo zokuba ungenelelo lwayo lujonge ekuqhwaleliseni amashishini athile; yona yaziphendulela ngelithi umsebenzi wayo kukukhusela abasebenzi ekuxhatshazweni ngabaqeshi.

Le Komishoni isungulwe ngomhla we-26 Agasti 2025 yaze yaphehlelelwa ngomhla 01-Septemba 2025, yasungulwa emva kweengxelo zokungabhatalwa kwabasebenzi, ukugrogriswa nokuxhatshazwa ngokwesondo kwabasebenzi kwindawo zokusebenza. Nangona ingafumani nkxaso ngokwasezimali leKomishoni seyikwazile ukugqogqa ze kuhlawulwe oonogada abangama-75.Seyincedise abasebenzi abali-150 benye inkampani ukuze kuxazululwe amatyala aquka i-GBV, ukuxhatshazwa nokunyhashwa kwamalungelo abasebenzi.

I-ICHR ithi ilwa nokungathotyelwa  komthetho ngabaqeshi. “Ukuba ukubhentsisa izenzo zokuxhatshazwa kwamanina, iindawo zokusebenza ezingakhelekenga nokugrogriswa kwabasebenzi ibonakala ikukubulala amashishini loo nto ithetha ukuba eyona ngxaki kukungathotyelwa komthetho ingeyiyo iKomishoni.”