Igwetyiwe indoda edlwengule umntwana wayo
Intatheli: Monwabisi Khininda
Inkundla yamatyala yaseSterkspruit eMpuma Kapa igwebe ubomi ejele indoda enama-39 eminyaka ubudala emva kokulahlwa lityala lokudlwengula intombi yayo eneshumi elinesithoba leminyaka ubudala nephazamisekileyo ngokwasengqondweni. Le ndoda engenakuchazwa igama layo ukukhusela ixhoba ilivumile ityala lokudlwengula elenzeka ngomhla we-18 kuAgasti wama-2024 kwilali iJoveleni, eHerschel.
Ummangalelwa wenze imvumo sono ngethuba kuqhuba ityala nangona ubekhe waphika ngaphambili esithi batsiba iziko ngokwesivumelwano. Kwingxelo yokuvuma ityala uthe ngosuku lwesiganeko wacela ixhoba limkhaphe atyelele kwilali iMangweni esuka eJoveleni ukuya kujonga amaxwebhu ezazizi ogxa wakhe. Ngethuba besendleleni ebuya khona wacela ixhoba ukuba babelane ngesondo, lakuqhankqalaza waligomongela walohlula ngamandla walidlwengula kufuphi nasehlathini.
Emva kwesi senzo simdaka waxelela ixhoba ukuba lingaxeleli mntu ngokwenzekileyo kungenjalo uza kulibulala. ULuxolo Tyali weGunyabantu lezoTshutshiso uthi emva kweveki ixhoba laxelela umalume walo kodwa wafeda ukuthatha amanyathelo. Emva kweentsukwana umalumekazi wabuya eGoli wamxelela ngokwenzekileyo ityala lasiwa emapoliseni. Uyise wexhoba wabanjwa kwinyanga elandelayo yoMsintsi.
Inkundla iyalele ukuba igama lakhe lifakwe kuluhlu lwabantu abaxhaphaza ngesondo-(Nationala Register for Sex Offenders). Esamkela isigwebo uMqondisi wezoTshutshiso loLuntu uAdvocate Barry Madolo uncome iqela lotshutshiso ngokwenza ubulungisa kwixhoba.

