CommunityLocalNews

Alingekasebenzi iqula lokudada eButterworth

Intatheli: Anele Raziya | Butterworth

Yiminyaka engaphaya kweshumi elinesihlanu lingekasebenzi iqula lokudada (swimming pool) elakhiwe kufutshane naseButterworth Hospital kwidolophu yaseGcuwa, eMnquma. 

Kwiveki ephelileyo uMphathiswa ojongene neSebe lezeMidlalo, iNkcubeko kunye nezoBugcisa eMpuma Koloni, uSibulele Ngongo ukhe wazipha ithuba watyelela eMnquma uyokujonga umsebenzi owenziweyo kweli qula lokudada kunye nento ebangela ukuba lilibaziseke ekusebenzeni emva kweeminyaka emingaka. 

Olu tyelelo luka Ngongo beluyinxalenye yesebe lakhe nalapho lityelela zonke iiprojekthi ezikoomasipala ngenjonga zokujonga inkqubela phambili kuzo.

UNgongo ngexesha ekutyelelo eGcuwa, uye womkelwa ngamagosa aphezulu womasipala waseMnquma kunye nebhunga lezemidlalo, iMnquma Sport Council. 

Ngokwengxelo ethiwe thaca ngumasipala echaza unobangela wokuba kutheni iqula lokudada laseGcuwa lingasebenzi, kuthiwe liyavuza kwaye lonto ibangela lingakwazi ukuwagcina amanzi. 

Kwaye ukungasebenzi kwalo lonto ize neziphumo ezibi njengoko kukho abantu abonakalisa (vandalism) izinto esele zenziwe kule swimming pool. 

Ingxelo yomasipala waseMnquma iqhuba ithi sele bekrwece iingcali ezithile ukuba zize zizokujonga ukuba yintoni enokwenziwa kweli qula lokudada ukuze lisebenze kwaye kungachithwa malini xa kusenziwa lomsebenzi. 

UNgongo uthe uMnquma uthe ukulungiswa kwale ndawo yokudada sele kufakiwe kwizicwagcisa mali zika masipala 2026/2027 (financial budget). 

Ngokuza kwakhe uNgongo eMnquma uthe ebefuna ukubona ukuba umasipala uyisebenzisa ngendlela efanelekileyo imali ayobelwe ngurhulument ephondweni. 

Iqula lokudada laseGcuwa laqalisa ukwakhiwa emveni kwendebe yehlabathi yebhola eyayibanjelwe kweli kwaye kwakulindele ukuba ligqitywe ukwakhiwa engakafiki unyaka u2013. 

Kodwa kwabakhona ingxaki yekhontilaka ezaziwenza umsebenzi ziwushiye phakathi, ngeloxesha uMphathiswa kweli sebe lezemidlalo yayisenguPemmy Majodina. 

Emveni konyaka u2014 kwaye kwavakala ukuba igqityiwe ukwakhiwa ipool, kwathi kusajongwe leyo kwavela indaba zokuba iyavuza ayikwazi ukugcina amanzi. Isebe laye layinikezela kumasipala waseMnquma ukuba alungise apho kudingeka khona. 

Yakhiwa yakumngangatho ophezulu ipool njengoko inendawo yokujimela (uphakamisa iintsimbi) , iindawo zokoja inyama, ezokuphumla kwabo bazokubukela abantu abadadayo, nangona kunjalo ayikasebenzi. 

Endaweni yalonto kukho abantu abonakalisa izinto zale pool.