UYanga Malusi uzakubalekela iqela laseKapa
18 kweyoMnga 2024 – 15 eyoMqungu 2025
Anele Raziya
Â
Imbaleki yaseDutywa kwilali yaseGwadana uYanga Malusi obalekela iReal Gijimas athletic club yaseMonti uzakuqala ubom obutsha eNtshona Koloni kunyaka ozayo.
Kulandela emva kokuba ecelwe liqela laseKapa iKwaLanga TymeBank athletic club ukuba abalekele yona uqala kunyaka ozayo.
Amaqala omabini, iReal Gijimas kunye neTymeBank aye ahlala phantsi ancokola malunga nokuba uMalusa azimanye neliqela laseNtshona Koloni kunyaka ozayo.
Ngenene aye avumelana kwelokuba uMalusi abeyinxalenye yeKwaLanga TymeBank athletic club uqala kunyaka ozayo ukuze afumane ithuba lokuphuhlisa isakhono sakhe nangakumbi kwicala leembaleki.
UMalusi uthe zimchulumancise kakhulu ezindaba zokuba uzakubalekela iqela laseKapa uqala kunyaka ozayo.
Ukutsho oku ngexesha ebencokola neliphephandaba malunga nokuzimanya kwakhe neKwaLanga TymeBank athletic club.
“Ndingatsho ndithi kunyaka ozayo ndizakubalekela iKwaLanga TymeBank athletic club kwaye ndivuyiswa yinto eliqela bendikade ndilibalekela eMonti lindikhulule ngesihle,” kutsho uMalusi.
Uthe iReal Gijimas ibenethuba lokuba incokole neKwaLanga TymeBank athletic club kwaye kwavunyelwana ngesihle ukuba ndiye eKapa kunyaka ozayo.
UMalusi uqhube wathi iReal Gijimas imnqwenelele okuhle kodwa kwiqela lakhe elitsha kwaye naye uyayibulela inkxaso eyifumeneyo ngexesha esabalekela iqela laseMonti.
Kwezinye zezicwagciso ezenziwe yiKwaLanga TymeBank malunga nekamva lika Malusi zezokuba uzakubaleka kwilizwe lase England kunyaka ozayo ngoMatshi.
“Ndingatsho ndithi iKwaLanga TymeBank athletic club sele indilungiselele ukuba ndiyokubaleka kwi Manchester 21KM marathon kunyaka ozayo kwaye ndiyavuya sele ndiqalise namalungiselelo,” uqhube watsho uMalusi.
Uthe into yokubaleka uyayiphila isegazini kuye kwaye yeyonanto imenza alale etyile njengoko engaphangeli uxhomekeke kungenela amakhuphiswano weembaleki.
UMalusi yimbaleki engaseliyo utywala kwaye akatshayi cuba kwaye ixesha lakhe elininzi ulinkcitha ngokuziqeqesha elungiselela nawuphina umdyarho onokuthi uvele.
ULalama Tase owaziwa kakhulu ngokuququzelela iimidyarho eGcuwa umnqwenelele okuhle kodwa uMalusi watsho esithi uziva esonwabeli kubona enye imbaleki ekhuliswe yimidyarho yaseMnquma izimanya namaqela aziyawo kwamanye amaphondo.
UTase uthe uqinisekile ukuba uMalusi uzakwenza imbali kwela Kapa nanjengoko ebesenza eMpuma Koloni kwaye uyakholelwa ukuba uMalusi unetalente eqaqambile kwicala leezembaleki.

