Arts & CultureLocalNews

UMphathiswa uMcKenzie ukupasisile ukuguqulwa kwamagama 

Edition: 26 March 2026 – 15 April 2026

Intatheli: Monwabisi Khininda | Mpuma Koloni

Idolophu yaseMonti ikulindele ukuguqula igama layo ibizwe njengesiXeko sakuGompo. Oku kuza emveni kokuba uMphathiswa wesebe lezeMidlalo ubuGcisa neNkcubeko uGayton McKenzie ewavumile amagama angamashumi amabini ananye (21) ukuba ngokwenene angaguqulwa. USihlalo weZiko lokuguqulwa kwamagama uJohny Mohlala ungqinile ukuba ngokwenene bahambela phambili ekuguquleni amagama.

Othethela elisebe uZimasa Velaphi uvumile ukuba ngokwenene umcimbi wokutshintsha igama laseMonti,ngumcimbi ebekukudala ushukuxwa. “Ukuze sifikelele kwesi sigqibo besisebenzisana ncakasana noMasipala ombaxa waseBuffalo City kunye nabahlali ngexesha besisingatha iintlanganiso,” utshilo uVelaphi. Urhulumente wephondo leMpuma Koloni ngomnyaka ka-2024 watyikitya ukuba ngokwenene mawatshintshwe amagama athile ephondweni kwaye iMonti ibingundaba-mlonyeni.

Ukuze kufikelelwe kwesi sigqibo iintlanganiso zazisingathwe eMdantsane, eQonce kwakunye nakwindawo ezithile ezikumbindi weMonti ngenyanga yoKwindla kunye noTshazimpuzi ku 2025, utshilo.