BusinessEducationLocalNews

Bafumene amathuba emisebenzi kwi Sisa Hub evulwe eNgcobo

Edition: 26 March 2026 – 15 April 2026

Intatheli: Yonela Mpaka | Ngcobo

 Ivulwe ngokusesikweni indawo elungisa imoto nebizwa i Sisa Automotive Hub eManzana eNgcobo. Lendawo ithe yatsala umdla kwabo banemoto nanjengoko ikwindawo esezilalini. Umasipala kwakunye namasebe karhulumente kuquka osomashishini balixhasile elishishini lisakhulayo. Umnikazi wendawo uSisa Mbangxa uyinzalelwane yaku Manzana.Indawo le inqabile kakhulu kwindawo esedolophini eNgcobo.

Isisa Automative Hub kuManzana eNgcobo.

Osuka kwicandelo lakwa Automotive Support programme u Khaya Njingolo nonikeze ngenxaso kwelishishini uthi  bazovuyisana nelishishini kuba okwabo kukuxhasa abantu abakwaziyo ukuvuka benze, nesiyibonayo into kuba asixhasi mntu oza nentsomi kuthi, esithi bakhuthaza  noluntu ukuba luwaqale amashishini ingakumbi la afana neli kuba abukunqaba.Isisa Hub ithe yavula amathuba emisebenzi kulutsha ingakumbi kwabo banesakhono.

Umnikazi we Hub uSisa Mbangxa wenze umbulelo omkhulu kubantu abathe baxhasa ishishini lakhe esithi kwande apho bathathe khona umsebenzi wokuliqala ishishini eli khange ubelula kodwa baphumelele.