Baxhaswe abo baqhuba iitroli eNgcobo
Edition: 30 April 2026 – 13 May 2026 Intatheli: Yonela Mpaka | Ngcobo
Osomashishini baseNgcobo phantsi koMasipala iDr AB Xuma banikwe izixhobo zokusebenza liCandelo lezoPhuhliso loQoqosho (LED) eliphantsi kukamasipala. Aba baxhamli baquka abo baqhuba amashishini okupheka, abalungisa iinwele, kwanabo baqhuba iitroli.
Eli phulo lenzelwe ukubanceda osomashishini ukuze bakwazi ukuziphilisa, babeke ukutya etafileni, baze bakhulise amashishini abo.
UMasipala phantsi kweOfisi kaSodolophu uCllr Zangqa sele eqhubekile nokuxhasa osomashishini kunyaka ophelileyo. Kwezi veki zidlulileyo, nabanye abaqhuba amashishini ee-spaza shops nabo baxhamle.
Abo baqhuba iitroli edolophini bathi eli lixesha lokuqala bexhaswa, kwaye bawamkele ngovuyo olu ncedo. Nangona kunjalo, bathi basenemiceli-mngeni kuba iitroli ngamanye amaxesha ziyaphikisana okanye ziphikiswana ngeendawo zokusebenza, ngakumbi kuba ezinye zazo zingezevenkile. Ngoku bathi sele besebenza ngokukhululekileyo.
USodolophu uCllr Siyabulela Zangqa unikezele ngezi zixhobo esithi injongo kukuba osomashishini bakhule baze baqhubele phambili namashishini abo. Uthe ayingabo bonke abaza kuxhamla ngaxeshanye, kodwa abanye baza kufumana ithuba kunyaka-mali ozayo.
Uvuyo belubhalwe ebusweni kubo bonke abaxhamli. UNomsa Dalasile, oqhuba ishishini lokupheka, uthe uncedwe kakhulu kuba izixhobo zakhe bezisele zigugile kwaye umsebenzi wakhe ube sele unzima.
UMasipala ukwayalele abanye osomashishini ukuba bazibhalise ukuze nabo babe nethuba lokuxhamla kwezi nkqubo.


