Ukubiwa kwemfuyo kwenza ubomi bamafama asezilokishini bubenzima
Imfuyo yasezidolophini ithandwa kakhulu ngabaphuli-mthetho
“Kwiminyaka embalwa edluleyo, ndilahlekelwe ziihagu zam ezisithoba kwezili-15. Ukubiwa kwezilwanyana apha kuxhaphakile, yaye xa imfuyo yakho ibiwe, akukho maninzi amathuba okuba ungaze uphinde uzifumane,” utshilo uLwazi Evans, umfama oselula wasePhilippi.
Baninzi abantu abakwiilokishi zaseKapa, abafana neNyanga, Philippi kunye neCrossroads, abafuya iinkomo, iibhokhwe, iihagu neegusha. Kodwa bathi babonwa njengamaxhoba athambileyo ngabaphuli mthetho. Ukubiwa kwemfuyo yeyona ngxaki inkulu kwaye iya ixhaphaka kakhulu kubo.
UEvans uthi: “Ziyebiwa ukuze zithengiswe kwimingcwabo neminye imisitho yesintu. “Kuyasikhathaza ukubiwa kwemfuyo yethu, kuba sisebenza nzima neminyaka emininzi ukufikelela kwinqanaba lokuba nomhlambi.”
Waqala ukufuya malunga neminyaka emihlanu eyadlulayo. Wayesele eqalile izifundo zezolimo, kodwa wayeka eyunivesithi kunyaka wakhe wesibini.
“Ukulima bubomi bethu. Yeyona nto siyenza kakuhle, kwaye ukuba zibiwe kuthetha ukuba asinako ukubeka ukutya etafileni kwiintsapho zethu,” utsho uEvans.
Ubusela bemfuyo baba bubi kangangokuba walushiya usapho lwakhe kwaye ngoku ugcina imfuyo yakhe kwindawo apho kukho abanye abalimi. Ngokusebenzisana, banokugada izilwanyana zabo.
Amafama athengisa ubisi nge-R10 ilitha.
“Ubusela yeyona nto inegalelo kwilahleko yethu, kuba xa isilwanyana silahlekile akukho ndlela yokusibuyisela,” utshilo uPhumelele Saliwa. Uneminyaka elishumi elinesihlanu efuye iinkomo neehagu eCrossroads.
USaliwa akathembi kwamapolisa. Njengoninzi lwamafama esithethe nawo akakhange azihluphe ngokuvula amatyala emapoliseni xa imfuyo yawo ilahlekile.
USaliwa waqala wasebenza iminyaka embalwa kwiqela lamafama. Ngoku uneehagu ezintathu neenkomo ezintathu. Lo ngumthombo wakhe wengeniso.
Ukufumana idlelo elaneleyo yingxaki ejongene namafama amaninzi asezilokishini.
“Sicela izikolo, iindawo zokutyela kunye nabathengisi basezitalatweni ukuba banikele ngokushiyekileyo,” utsho uSaliwa. Usuku lwakhe luqala kwangethuba, eqokelela ukutya kwemfuyo.
UZizi Qongqo, waseNyanga, uthatha iibhokhwe zakhe ezisibhozo ukuya kudla kwincam yohola wendlela uN2. Ulahlekelwe zizilwanyana ezitshayiswe ziimoto.
“Ngaphandle kobusela, abantu bagilana [neenqwelo-mafutha] ngabom baze bathabathe inyama. Imbi kakhulu le meko, kuba iintsapho zethu sondla ngezi zilwanyana kwaye imali esiyifumana ngokuthengisa ifaka abantwana bethu esikolweni,” utshilo uQongqo.
Amafama akhalaza ngelithi akafumani nkxaso kurhulumente.
Isithethi sesebe lezomthetho kwisiXeko saseKapa uWayne Dyason uthe isiXeko sineYunithi yoLawulo lweZilwanyana enoxanduva lokusabela kwizilwanyana ezilahlekileyo, kuquka nemfuyo ethi “ibeka emngciphekweni ukhuseleko loluntu”.
UDyason uthe uthungelwano lweekhamera zenkqubo yolawulo lohola wendlela yeSixeko ikwasetyenziselwa ukuchonga imingcipheko enokwenzeka.

