AgricultureBusinessLocalNews

Amafama avelisa uboya

11 August 2026 | Anele Raziya | Mbashe

Amafama waseMbhashe kwindawo yaseDutywa, Gatyane naseXhorha agxeleshe ukuzenzela imali entle ngokuthengisa uboya emarikeni. 

Kulandela emva kokuba amafama waseMbhashe athe afumana uqeqesho kutsha nje efundiswa ngendlela zonketha uboya kwakunye nobucoca. 

Aye afumana nethuba lokuba afundiswe ngeedidi zoboya obunexabiso eliphezulu kwakunye noboya obunexabiso eliphantsi. 

Amafama aye aboniswa ncakasana malunga nangendlela yokuhlela uboya ngendlela efanelekileyo kuqeqesho ebelubanjelwe kwiShedi yaseNopoto eDutywa kwiveki ephelileyo. 

Into ebiphambili kuqeqesho ibikufundisa amafama indlela yokwahlula nokuhlela uboya ububeke ngokwedidi(types) zabo. 

Ngelixesha kuqhuba uqeqesho bekubizwe neenkampani zabucala ukuba zizokufundisa amafama waseMbhashe malunga nezinto ezilindelekileyo kuwo xa evelisa uboya. 


Ezinye zenjongo zoqeqesho ibikuxhobisa abafuyi abasakhulayo ngezakhono ezibalulekileyo eziza kuphucula umgangatho wemveliso yawo ukuze akwazi ukhuphisana ngcono kwintengiso.

Ngokuya kuqhubeka uqeqesho amafama axelelwe nange ndlela yokubona iimpawu zoboya ukuba kukho obubanzi bomsonto, obude, umbala nobucocekileyo kwaye imali yabo iyashiyana xa ubuthengisa emarikeni. 

Usomlomo webhunga kumasipala waseMbhashe, uBabalwa Majavu ethetha ngoluqeqesho uthe bayavuyisana namafama athe afundiswa ngendlela zokwahlula nokhetha uboya. 

“Kwiveki ezidlulileyo satyelelwa yenye yeengcali ezisebenza kushishino loboya, neyathi yancoma umgangatho woboya begusha zenu. Oko kusinika ithemba lokuba sinakho ukukhula sisuke ekubeni ngabathengisi kuphela, sibe ngamafama orhwebo. Ngoko ke, masiqhubeke siyixabisa kwaye siyikhathalele imfuyo yethu ukuze siqhubeke sivelisa uboya obusemgangathweni obunexabiso kwiimarike,” utshilo uSomlomo.

IMpuma Koloni liphondo elikhokelayo eMzantsi Afrika ekuveliseni uboya kwaye inegalelo elingange 34–35% kwimveliso yoboya yelizwe liphela.

USihlalo wamafama uJongile Enoch, wenze amazwi ombulelo ngolu qeqesho lokwahlulwa nokuhlelwa koboya. 

“Lusinceda kakhulu kuba lusixhobisa ngolwazi olusenza sivelise uboya obusemgangathweni obunexabiso elingcono kwintengiso, lonto isinceda ukuba sikwazi ukufundisa abantwana bethu kwaye sikwazi nokubeka isonka etafileni,” kutsho Enoch. 

Amafama akhuthaziwe ukuba aqhubele phambili nomsebenzi wawo omhle wokufuya evelisa noboya.