Crime & SafetyLocalNews

Lifunyaniswe lingenatyala inina ebelityholwa ngokudlwengula

08 kuTshazimpuzi (Apr) 2024 – Intatheli kaDizindaba

Inina elinama 47 eminyaka nebelityholwa ngokudlwengula umfana onama 24 eminyaka lifunyaniswe lingenatyala emva kwee mbizo ngee mbizo ebezibanjelwe kwindawo yase Denokana kufuphi nomda waseBotswana.  Oku kuye kwavela emveni kokuba umfana ekuthiwa ebelixhoba lokudlwengulwa ngulo dade uye wamana exelela abangane bakhe okokuba yena wayesegumbini lalo sisi bezonwabele.

Kuvakala okokuba lo dade waye onwabe nalo mfanyana kwi tarvern ephaya eLehurutse bebonwa bemana bebhantsana.  Kuthiwa emva kwe thuba lo mfana waye wayishiya itafile awaye esela kuyo nalo dade waza waya kuhlala nabalingane bakhe kwezinye iisofa.

Emva kwethuba kuthiwa lo sisi waye weza kulo mfana wamxelela okokuba yena uyahamba ngoku waza waphakama lo mfanyana ecela lo dade amkhwelise kwi nqwelo yakhe yohlobo lwe Mercedes.

Oodade ababehleli nalo mfana bathe lo mfana waye wakhwaza ecela lo sisi okokuba amphe ilift.  Aba dade bantanganye ngeminyaka nalo mfana bathi waye wanyanzelisa lo mfanyana okokuba lo sisi amgoduse amse kwi lokishi yase Ikakheleng ese Zeerust nangona yenal lo dade wayesiya kwi ndawo yase Denokana.  Kuthiwa babonwa ke bephuma beshiya le tarven kunye bemnka ngemoto yalo sisi.

Abasemfuthweni wolwazi bathi ingxaki ibesemva kokuba abamelwana beve kukho umntu okhalayo kwelinye ingumbi baza bakumbonzeleka kwelo gumbi linalo dade nalo mfanyana bafika lo sisi ephezu kwalo mfana ugxwalayo.

Bona abazaziyo iindaba kwaye bezithanda bathi lo dade waye wakhuthswa kweligumbi emva kokunxityiswa waza wayakuvalelwa namanye amanina ze ngomso abekwe ityala lobugqwira ngokuthi adlwengule umntu ongutata.

Kuthiwa lo dade ekufunyaniswa okokuba ngowase Mtsheko eLady Frere wayevela eMahalape eBotswana nalapho wayeye kwi sinqanda mathe sakhe kodwa akazange asifumane.  Kuthiwa emva kwee ngxoxo ebezibanjwe lo mfanyana uye wala ukubeka ityala lo sisi esithi yena wayonwatyiswe ngulo sisi hayi okokuba wayekhala.  Kuthiwa emva koku yinkitha yamanina abeshuza evuya emva koku logama oobhuti bona besithi “Basadi bakajeko badera mehlola” (Abafazi bangoku benza imihlola.