Bayaxhaswa oomakhulu eNgcobo
Yonela Mpaka | Ngcobo

Bafumene ingubo abantu abadala belali yase Lucwecwe phantsi kwebrentshi yombutho we ANC nebizwa Chief Lam Gudlwa eNgcobo. Oku kwenziwe yi Nkokheli yalombutho nenguSihlalo uLusanda Sizani ebambisene namalungu alebrentshi.Izitulo ezilikhulu nebezihamba nengubo zinikezwe iKomkhulu phantsi kuka Nkosi uJongibandla Mgudlwa. Inkosi kwakunye nobhodi nosibonda abancedisana nekomkhulu ngabo abathe baxhamla kwezingubo bezinikwa ngenjongo zokuba kubulelwa umsebenzi abawenzayo ukugcina ucwangco ezilalini.
Inkosi kwakunye nobhodi banoxanduva lokuqinisekisa ukuba izinto ezinikwe uluntu ziyakhuselwa kangangoko ingakumbi ezo zizinkonzo zika rhulumente ezifana namaholo, izixhobo zokwakha indlela,bekwanika ingqwalasela kakhulu ingakumbi ngexesha lokuba amakhwenkwe aye esuthwini. U-Nkosi uJongibandla Mgudlwa ukuqhwabele izandla ukuba baxatyiswe de baphiwe nezitulo esithi xa benentlanganiso zokuhlala abazuphinda basokole ngoku, esithi kwakudala babekhathalelwa bengamakomkhulu kuba yonke into eyenzeka elalini idlula kubo.
Obhodi belali ngabo abanoxanduva lokusa izinto kumakomkhulu.OnguSihlalo kumbutho uLusanda Sizani uthi oku bakwenza ukuqinisa ubudlelwane nabo bakhokheleyo, bafuna abo bangamakomkhulu bazazi banoxanduva lokuqinisekisa ukuba uluntu luhlala ngokukhululekileyo nangokukhuselekileyo. Isigqeba esikulombutho sithembise ngokunganqabi kumakomkhulu.



