EducationNews

Amawakawaka abafundi bezikolo zamabanga aphakamileyo abangafakwanga ndawo

Abafundi bePhondo bayasokola ukufumana indawo yesikolo, kodwa iKZN neGauteng zithi azilunganga

  • INtshona Koloni iyasokola ukufumana iindawo zesikolo zabo bonke abenzi-zicelo beBanga lesi-8, ichaza ukuba kukho ukuthontelana kwabafundi abasuka kwamanye amaphondo.
  • Amabango aseGauteng bonke abafundi bafakiwe, kodwa kuye kwakho uqhanqalazo malunga nokufaneleka kwezinye zeendawo zokufakwa kwabafundi.
  • KwaZulu-Natal, isebe lezemfundo libanga ukuba ngabafundi abayi-500 abasazofakwa, kwaye ezinye izikolo esiqhagamshelwe nazo zithi zisenendawo yabafundi abatsha beBanga lesi-8.

Njengokuba unyaka wesikolo ubuqala kule veki, amawakawaka abafundi eNtshona Koloni bebengekamkelwa ezikolweni.

Le ngxaki ichaphazela ngakumbi abafundi bezikolo eziphakamileyo. Umphathiswa wezemfundo eNtshona Koloni, uDavid Maynier, uthe ngabafundi abayi-576 beBakala 1 abasalindele ukufakwa, kodwa bayi-2,060 abafundi beBanga lesi-8 abangekakwazi ukuqalisa kumabanga aphakamileyo, kwaye kulindeleke ukuba lonyuke inani njengoko kungeniswa kade izicelo. Ukufumana indawo kwisikolo samabanga aphakamileyo kudala kuyingxaki eNtshona Koloni.

Kula maphondo mabini anabantu abaninzi, isebe lezemfundo KwaZulu-Natal lithi ngabafundi abangamakhulu amahlanu kuphela abangafakwanga, logama isebe lezemfundo eGauteng lithi bonke abafundi beli phondo babelwe isikolo. Nangona kunjalo, bekukho uqhanqalazo eGauteng malunga nokufaneleka kwezi zithuba.

eNtshona Koloni

Ngokwembali, ukufakwa kwabafundi kwiBanga lesi-8 bekukho imfuneko ephezulu kunokufakwa kwiBanga loku-1. UMaynier uthe ukusukela ngomhla we-11 kweyoMqungu iphondo lifumene izicelo ezingaphezulu kwamawaka angamashumi alithoba anesixhenxe (97,000) zabafundi beBanga lesi-8, kwaye kwafika izicelo ezininzi ngosuku ngalunye. Uthe nangona isebe lisalinde amanani achanekileyo okuba basuka phi abafundi abatsha, “umlinganiselo omkhulu wezicelo ezifike emva kwexesha kakhulu ziphuma kwamanye amaphondo”.

UMaynier uthe kule minyaka mihlanu idlulileyo, inani labafundi bebonke kwizikolo zaseNtshona Koloni linyuke ngomyinge we-19,000 ngonyaka. Uthe kuzakufuneka bakhe izikolo ezilishumi elinesithoba ngonyaka ukuze zihambelane nale mfuno.

Urhulumente weNtshona Koloni wapasisa uhlahlo lwabiwo-mali lwezemfundo ngoMatshi ka-2023 apho kwabakho isicwangciso seziseko zophuhliso esizibhiliyoni ezi-R2.9 sokwakha izikolo ezitsha ezingama-21 namagumbi okufundela amatsha angama-289 kwizikolo ezikhoyo.

Kodwa emva kokuthotywa kohlahlo lwabiwo-mali kuNondyebo weSizwe, iSebe lehle laya kutsho kwizikolo nje ezilishumi ezitsha, kunye namagumbi okufundela ongezelelweyo. “Ngaphandle kwenqanaba elifanelekileyo lenkxaso-mali kuya kuba nzima kakhulu ukuhambisana [nokukhula kwabemi], ungakhathali ukutshintsha nokuhlaziya izikolo,” utshilo uMaynier kwiGroundUp.

Urhulumente weNtshona Koloni okhokelwa yiDA ukugxeke oku kucuthwa ukusukela kwiMedium Term Budget Statement ekuqaleni kukaNovemba waze wabhengeza ingxabano phakathi koorhulumente norhulumente kazwelonke ekupheleni kukaNovemba.

Okwangoku, izikolo ezininzi zamabanga aphakamileyo zizaliswe zizicelo. Unobhala weSikolo samaBanga aPhakamileyo saseClaremont eKapa uthe bafumene izicelo ezimalunga nama-4,500 zeendawo ezili-105 zeBanga lesi-8 kuphela. Ukusekwa kwesi sikolo ngo-2011, bafumana malunga nama-600 ezicelo zeBanga lesi-8.

Unobhala weSikolo samaBanga aPhakamileyo saseYork eGeorge uxelele iGroundUp ukuba bafumene izicelo ezimalunga nama-800 zokufakwa kwabafundi abangama-200 kwiBanga lesi-8. Oku kuphindeke kabini kule minyaka mihlanu idlulileyo, njengoko befumene izicelo zeBanga lesi-8 ezimalunga nama-400 kunyaka wesikolo ka-2019.

Umlawuli weEqual Education kwingingqi yeNtshona Koloni, umbutho okhuthaza umgangatho nokulingana kwinkqubo yemfundo yoMzantsi Afrika, uNontikelelo Dlulani, uthe kukho abazali abagxumeka iintente ngaphandle kwezikolo i-Equal Education ezihanjelwe kumahlomela eKapa eKraaifontein, eStrand, naseKhayelitsha kule veki. .

UDlulani uthe uninzi lwabazali bajikiswa bathunyelwa kwi-ofisi yesebe lezemfundo, athe nayo ayizange ikwazi ukunceda. Kwabanye abazali, ibingunyaka wabo wesibini belinde ngaphandle kweofisi yesithili.

Uthe abazali baxelele i-Equal Education ukuba akukho mpendulo xa bebuza kwisebe lemfundo, abantwana babo baza kukhatywa kuzo zontathu izikolo abafake izicelo kuzo, kwaye abanye abantwana babo baza kufakwa kwizikolo ezikumgama weekhilomitha ezingamashumi.

Uthe kukho ootitshala abamxelele ukuba iiklasi zabo zinabafundi abamalunga nama-60, nto leyo engaphaya kwamandla abo.

“Sifuna izikolo ezininzi, isebe kufuneka lidlale indima yalo,” utshilo.