BusinessLocalNewsSocial Development

Uxinzelelo lokunyuka kwexabiso lamafutha wezithuthi. “Makuthandazelwe ukuphela kweemfazwe”.

Intatheli: Ntsikelelo Jonga | Bloekombos – Kraaifontein

“Makuthandazelwe ukuphela kweemfazwe kumazwe alwayo nanjengoko kusoleka ukuba kungunobangela wokunyuka kwamaxabiso wamafutha ezithuthi”, la ngamazwi kaMnu Xolani Mgqalelo.

Sincokole noMnu Mgqalelo nongumnini wesithuthi esithutha abantu kwinkonzo yezoshishino lweetaxi.  Uchaze intlungu ezisa uxinzelelo, inkxalabo kwanokuchaphazeleka kwabantu abaninzi kolunyuko lwamaxabiso wamafutha. Uchaza athi oku kuyidyokhwe enzima kakhulu kubanini zitaxi nanjengoko lemeko ibagqebha uduma olungophiyo nolwenza ubuzaza bangaphakathi kuba kusengabanzima ukunyusa kwakho amaxabiso nanjengoko ebenyukile kwakulonyaka kwangenxa yokunyuka kwamaxabiso walamafutha.

Kungokunje  anyuke ngokuphindeneyo. Uchaza athi kuko konke oku, abanini zitaxi bajongene noxanduva olukhulu oluquka ukubhatalwa kwee ‘installments’ kwanezinye inkonzo zokugcina iimoto zisemgangathweni wokuba sendleleni. Ukanti ke uhambisa athi wonke umntu uyachaphazeleka kolunyuko lwamaxabiso, esitsho ukuba nangona ekhankanya imfazwe ezigqubayo, kukucingela nje,kodwa kona esona sizathu esibangela olunyuko lungaka akaqinisekanga ngaso.