LocalMPUMA KAPANewsSports

Iqela i-XD United FC laseNqabarha libhiyozela indebe 

Intatheli: Anele Raziya | Mpuma Koloni

ISebe lezeMidlalo kwingingqi yaseAmathole eMpuma Koloni linkcithe impelaveki lisonwabisa ulutsha kwimidlalo ebibanjelwe kwilali yaseNqabarha kuGatyane kwaWadi 29 eMbhashe. 

Imidlalo entlobo-ntlobo ebintsukumbini ibabanjelwe kwibala lezemidlalo elibizwa ukuba iMlandeli Mahobe sport ground nalapho amaqela wasekuhlaleni ebekhuphisana kumdlalo webhola ekhatywayo nebhola yomnyazi (netball). 

Injongo zale midlali ibizezokuphuhlisa imidlalo entlobo-ntlobo ezilalini njengoko isihloko sayo imidlalo ibibizwa ngokuba yi Rural development games. 

Ngamaqela alishumi elinesibini webhola ekhatywayo nabekhatshwa ngamaqela wawo wamantombazana adlala ibhola yomnyazi, ebekhuphisana uqala ngoMgqibelo uyokuma ngosuku lwangeCawe.

Iqela iXD United FC lilo elithe labuya nodumo kule midlalo emva kokuba liwabethe lawavuthulula amaqela ebelikhuphisana. 

XD United FC yaseNqabarha iye yafumana ibhaso lokuqala ebeliyindebe, iimbasa zeegolide (gold medals) kunye nekiti entsha kraca yebhola ekhatywayo, emveni kokuba ibethe iBush Bucks ngo4-2 kwiphenathi (penalties) kumdlalo wamagqibela kankqoyi (final). 

Ebaleni lamaqela adlale ntanganye ngeqanda macala kumdlalo wamanqam kwancanywa kwayiwa kwiphenathi (penalties) apho iye yaphumelela khona iXD United FC. 

Ngaphambi kokuba afike kumdlalo wokugqibela lamaqela omabini, i-XD United FC ibizibethele i-Warriors FC ngo4-2 kwiphenathi kumdlalo owandulela owamanqam (semifinal) emva kokudlala ntanganye ebaleni ngeqanda macala. 

I-Bush Bucks FC yona iye yabetha i-United Brothers FC ngo4-3 kowayo umdlalo owandulela owamanqam emva kodlala ngeqanda macala ebaleni. 

Imidlalo yeNetball khange ikwazi ukuqhubekeka yona ngenxa yemvula ibinetha kakhulu kwaphela kugqitywa kwelokuba imiswe idlalwa xa isimo sezulu singcono. 

Ongusekela mqeqeshi kwiqela XD United, uLupho Dyomfana uthe bavuye kakhulu yimpumelelo yabo kule midlalo ibixhaswe liSebe lezemidlalo kunye nomasipala waseMbhashe. 

UDyomfana uthe ibakhuthaza kakhulu into yokufumana inkxaso kurhulumente kwaye lonto uthe izokhuthaza ulutsha ukuba luzimisele kangangoko emidlalweni. 

Uqhube wathi itumente lena ibidlalwa ngamaqela wakwaWadi 29 ngokwendlela ebicwagciswe ngayo kwaye bayayibulela inkxaso abayifumene kurhulumente kule midlalo yabo. 

Uvalelise ngelithi iqela i-XD United FC iyonwabele kakhulu impumelelo njengoko iyindebe yayo yesibini lena ibiyina ngempelaveki. 

NgoApril walo nyaka eliqela lithe laphumelela indebe yeleague edlalelwa ekuhlaleni.