ElectionsLocalNewsPolitics

Kuyiswene noCeba owinileyo ityeli lesithathu.

Intatheli: Ntsikelelo Jonga | Kraaifontein

Amalungu ombutho we-Anc kwiWadi 101 inkoliso yawo ayizange ibuthi ‘chwe’ ubuthongo nanjengoko ayejonge enkalweni elindele ukuva iziphumo zonyulo looCebs koomasipala basekhaya nobeluqhuba ngomhla we-4 kweyeNkanga.

Emveni kokupashwa kweziphumo zobalo kuye kwaxhelw’eXhukwana komncinci nakomdala, kwalungiswa nezituetyisiweyo njengezizakuxhelwa kusenzelwa ukuvuyisana noCeba weWadi 101 onguSiyabonga Solly Duka ityeli lesithathu. Oku kubonisa ukuba abantu bamthembile kwaye basazimisele kangangoko ukumthemba.

Oku kubonisa okukhulu nakwicala lakhe uCeba ukuba akusebenzele ukufezekisa ukuthenjwa nangakumbi ukuthenjwa kwakhe. Nezithethi eziye zathetha ekukho kuzo uMnu Mawethu Sila nophumelele okokuqala ukuba nguCeba wakwaWard 6 zibulele kakhulu kuluntu ngenkxaso oluye lwayinika.