CommunityElectionsLocalNewsPolitics

Alikho iqela elizophinda liphumelele ngesininzi 

Intatheli: Monwabisi Khininda | Mpuma Koloni

Ulawulo lwamabhunga oomasipala luzakuxhomekeka kulawulo ngobambiswano lwamaqela ezopolitiko kuba alikho iqela elingaphinda lilawule ngesininzi lilodwa. “Liphelile ixesha lokuba kukhonye inkunzi ibenye ebuhlanti.” Oku kuthethwe nguNjengele Bantu Holomisa oNgusekela Mphathiswa wesebe loMkhosi weZokhuselo (SANDF) noMongameli we-United Democratic Movement.

Uhambise wathi ukuphatha kweqela elinye kuzala urhwaphilizo nanjengoko oko kudule kulonyulo luka-2024. “Ndiyaluxhasa ulawulo ngobambiswana kuba abantu abakwizikhundla zolawulo bayagadana. UHolomisa ebethetha nonoondaba kwisibhedlele iMthatha General eMthatha ngoLwesithathu weveki ephelileyo. UMgebe ebeyoxhasa uNkosana Mlimandlela Ndamase ozigqatsele isikhundla sikaSodolophu phantsi komasipala iKing Sabata Dalindyebo.

SayUHolomisa uthe eli lithuba lokuba ulutsha luxhuzule imikhala. Abagqatswa abaninzi kwi-UDM lulutsha olunezakhono nolufundileyo, kwaye silulungiselela ukuba lukhokele emva kolonyulo lukaZwelonke nephondo ngo2029 lukwazi ukungena epalamente nakwiphondo.

Ukuphoncuka kolawulo kuKhongolosi

Kumasipala iKing Sabata Dalindyebo ukhuphiswano beluphakathi kwe-UDM neANC.IUDM kaHolomisa ibonakalise ukukhula nakumasipala i-Buffalo City Municipality. E-KSD  kwiwadi eziy-37 i-ANC iphumelele zayi-19 kanti i-UDM iphumelele zayi-14. I-SACP ebingenele ulonyulo okokuqala iphumelele iWadi yanye ngokunjalo ne-ATM inewadi eyiphumeleleyo.